IGENESIS 14
14
Imfazwe yookumkani; ukuthinjwa kukaLote nokuhlangulwa kwakhe
1Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare, noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi,• 2benza imfazwe noBhera ukumkani waseSodom, noBhirsha ukumkani waseGomora, noShinabhi ukumkani waseAdama, noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare. 3Bonke abo baqukana entilini yaseSidim, eluLwandle lweTyuwa. 4Iminyaka elishumi elinamibini bakhonza uKedorlahomere, bathi ngomnyaka weshumi elinantathu bagwilika. 5Ngomnyaka weshumi elinaminé weza uKedorlahomere nookumkani ababanaye, bawatshabalalisa amaRafa eAshtaroti-karnayim, namaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim, 6namaHori entabeni yawo yakwaSehire, kwasà kwiElparan, engasentlango. 7Bajika, beza e-En-mishpati eyiKadeshe, balitshabalalisa lonke ilizwe lakwa-Amaleki, nama-Amori abehleli eHatsetson-tamare. 8Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim; 9noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabané.
10Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene;• basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni. 11Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka. 12Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.
13Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini• kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram. 14Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan. 15Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakhe, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko. 16Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote umzalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.
17Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.
UMelkitsedeke usikelela uAbram
18UMelkitsedeke,• umkukani waseSalem, waphuma enesonka newayini; ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni. 19Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi! 20Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.
21Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndínike abantu, uthabathe impahla. 22Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni, 23uMninimazulu nehlabathi, ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungàtsho ukuthi, Mna ndimtyebisile uAbram. 24Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.
Sélection en cours:
IGENESIS 14: XHO75
Surbrillance
Partager
Copier
Tu souhaites voir tes moments forts enregistrés sur tous tes appareils? Inscris-toi ou connecte-toi
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.