Logo YouVersion
Îcone de recherche

IGENESIS 10

10
Inzala kaNowa
1Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa: uShem, noHam, noYafete. Bazalelwa oonyana emveni konogumbe.
2Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan,• noTubhali, noMesheki, noTirasi. 3Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma. 4Oonyana bakaYavan nguElisha, noTarshishe, ngamaKiti namaDodan. 5Zadabuka kubo abo iziqithi zeentlanga emazweni, lwaolo ngokolwimi lwalo, ngokwesizwe salo ezintlangeni zazo.
6Oonyana bakaHam nguKushi,• noMitserayim,• noPuti, noKanan. 7Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka; oonyana bakaRama nguShebha noDedan.
8UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini. 9Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova. 10Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, ne-Akadi, neKalene, ezweni leShinare. 11Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wákha iNineve neRehobhotire nomzi weKala, 12neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo. 13UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi, 14namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.
15UKanan wazala uTsidon, owamazibulo wakhe, 16noHeti, namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi, 17namaHivi, nama-Areki, namaSin, nama-Arvadi, 18namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan. 19Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha. 20Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.
21UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete. 22Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram. 23Oonyana baka-Aram ngu-Utse, noHuli, noGetere, noMashi. 24UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere. 25UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege,• ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan. 26UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera, 27noHadoram, noUzali, noDikela, 28no-Obhali, noAbhimayeli, noShebha, 29no-Ofire, noHavila, noYobhabhi; bonke abo bangoonyana bakaYoketan. 30Ukuma kwabo kwathabathela eMesha, kwasinga eZefara, intaba yasempumalanga. 31Ngabo abo oonyana bakaShem ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ngokweentlanga zabo.
32Zizo ezo izizwe zoonyana bakaNowa, ngokweenzalo zabo, ezintlangeni zabo; zadabuka kubo abo iintlanga ehlabathini emveni konogumbe.

Sélection en cours:

IGENESIS 10: XHO75

Surbrillance

Partager

Copier

None

Tu souhaites voir tes moments forts enregistrés sur tous tes appareils? Inscris-toi ou connecte-toi

Vidéo pour IGENESIS 10