Logo de YouVersion
Ícono Búsqueda

Ivangeli ka‐Luke 22

22
1KEKALOKU umtendeleko wezonka ezingenagwele ubusondela, o‐kutiwa yipasika: 2baza bafuna abaperisite abakulu nababa̔li ukuba bangati nina ukumbulala; ngokuba bebesoyika abantu.
3Wati ke u‐Satane wangena ku‐Jude obebizwa ngelinye igama elingu‐Sikariyoti, engowasenanini labalishumi linababini. 4Waza wemka waya wateta nabaperisite abakulu nenkosi, ukuba angati nina ukumnikela kubo. 5Baza bavuya, bavumelana naye ukumnika imali. 6Watakazela ke, wafuna ituba lokumnikela kubo singeko isihlwele.
7Wada wafika umhla wezonka ezingenagwele, ebekufanele ngawo ukuba kubingwe ipasika. 8Waza watuma u‐Petrosi no‐Johane, esiti: Hambani niye nisilungisele ipasika, ukuze siyitye. 9Bati bona kuye: Utanda ukuba silungiselele pina? 10Wati yena kubo: Bona ke, nakuba ningene esixekweni, niya kukaulelwa ngumntu etwele umpanda wamanzi; mlandeleni yena niye endlwini apo angena kona. 11Naniya kuti kumniniyo indlu leyo: Uti kuwe umfundisi: Ipina inkambili yendwendwe, apo ndingayityela kona ipasika ndawonye nabadisipile bam? 12Waeya kuti lowo anibonise inkambili yapezulu enkulu eyandlalelweyo: lungiselelani kona apo. 13Bemka ke baya bafumana njengokuba etshilo kubo, bayilungisa ipasika.
14Kwati kwakufika ixeshana, wahlala pantsi, nabapostile abalishumi linababini kunye naye. 15Waza wati kubo: Asi nokuba ndinqwenele lepasika ukuyitya ndawonye nani, ndingekeva intlungu: 16ngokuba ndisiti kuni: Andisayi kuba satya kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukatixo. 17Waza wamkela indebe, wabulela, wati: Tabatani le, nabelane; 18ngokuba ndisiti kuni: Andisayi kuba sasela kwisiqa̔mo somti weveyine, kude kufike ubukumkani bukatixo.
19Waza watabata isonka, wabulela, waqezula, wabanika, esiti: Esi singumzimba wam, onikelwa nina; kwenzeni oku kube kukukunjulwa kwam. 20Ngokunjalo watabata nendebe emveni kwokuba kudliwe, esiti: Lendebe ilucebano olutsha egazini lam, elipalazelwa nina.
21Kodwa, bona ke, isandla sondingcatshayo sinam etafileni. 22Ewe unyana wesintu uyemka okunene, njengoko kumisiweyo: kodwa kwoba nzima kulowamntu angcatshwa nguye! 23Baza baqala ukubuzisana omnye nomnye, ukuba angaba nguwupina kubo oza kuyenza lento.
24Kwabekuko nepike pakati kwabo, ukuba nguwupina wakubo obalwayo ngokuba mkulu kwabanye. 25Waza wati kubo: Okumkani babaheyideni bayabapata ngobukosi, nabo banegunya pezu kwabo bayabizwa ngokuti bangabenzeleli. 26Kodwa nina aniyi kuba njalo; koko omkulu pakati kwenu makabe njengomncinane, noyinkosi njengokonzayo. 27Ngokuba nguwupina omkulu? ngohleli ekutyeni, ngokonzayo, kusinina? asi ngulowo na uhleli ekutyeni? kodwa mna ndipakati kwenu njengokonzayo. 28Nina ke ningabo babemana behlala nam emalingweni am. 29Nam ndiyamisela nina ubukumkani, njengokuba ubawo emisele mna; 30ukuze nitye nisele etafileni yam ebukumkanini bam, nihlale eziteroneni, nigweba izizwe ezilishumi linazibini zo‐Sirayeli.
31Yayisiti inkosi: Simone, Simone! bona ke, u‐Satane uzibizele nina, ukuba anele njengenqolowa. 32Kodwa mna ndikutandazele wena, ukuze ukolo lwako lungapeli: nawe yiti, nxa ude waguquka, uqinise abazalwana bako. 33Wati yena kuyo: Nkosi! sendilungile ukuya nawe nasentolongweni nasekufeni. 34Yati yona: Nditi kuwe, Petrosi! inkuku ayiyi kulila namhla nje, ungekakanyeli katatu ukuba uyandazi.
35Yaza yati kubo: Okuya ndandinituma ningenasidla, nanxowa, nazihlangu, kenaswela nto na? Bati bona: Nanye. 36Yandula yati kubo: Kodwa kaloku nje lowo unesidla makasipate, kwa nenxowa kanjalo: nalowo ongenaso, makatengise ngengubo yake, atenge isiṙele. 37Ngokuba ndisiti kuni: Oku okuba̔liweyo kusafanele ukufezwa kum, okwokuti: Wabalwa nabagqita umteto; ngokuba izinto eziteta ngam zinesipelo. 38Bati bona: Nkosi! bona ke, nazi iziṙele ezibini. Yayisiti kubo: Kwanele.
39Waza wapuma u‐Yesu, waya ngokwesiko lake entabeni yeminquma; bati nabadisipile bake bamlandela. 40Kekaloku akuba ebefikile kwindawo, wati kubo: Tandazani nize ningangeni ekulingweni.
41Waza washenxa kubo kwanga kumgama wokujulwa kwelitye, waguqa ngamadolo, watandaza, 42esiti: Bawo! ukuba uyavuma ukususa lendebe kum — : noko makungabi yintando yam eyenziwayo, makube yeyako. 43Kwaye kubonakala kuye ingelosi ivela ezulwini imomeleza. 44Waza esekulweni okunzima watandaza ngokunyameka ngakumbi: kwati ukubila kwake kwanga kumatontsi amakulu egazi esiwa pantsi emhlabeni. 45Wati akusuka ekutandazeni, weza kubadisipile bake, wabafumana belele ubutongo ngosizi, 46wati kubo: Yinina ukuba nilale? sukani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.
47Kekaloku nxa abesateta, nasi isihlwele ke; nalowo kutiwa ungu‐Jude, owabalishumi linababini, ebehamba pambi kwabo, wasondela ku‐Yesu ukuza kumanga. 48Waza u‐Yesu wati kuye: Jude! uyangcatsha unyana wesintu ngokwanga na?
49Kekaloku abo babempahla, bakubona oko kuya kubako, bati kuye: Nkosi! sobeta ngesiṙele kusinina? 50Waza umntu otile kubo wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla eyokunene indlebe. 51Koko wapendula u‐Yesu wati: Vumelani kude kube lapa. Waza wacukumisa indlebe yaso, wasipilisa.
52Waza u‐Yesu wati kubo abaperisite abakulu, nenkosi zetempile, nabadala, ababemzumile: Nipumile neziṙele nenduku na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada? 53Ndakuba bendinani etempileni imihla ngemihla, anolula zandla ngakum: kodwa eli lixeshana lenu, namandla obumnyama.
54Bati bakuba bebembambile, bamr̔ola, bamsa endlwini yomperisite omkulu. Waza u‐Petrosi walandela ekude. 55Kekaloku nxa bebebasile umlilo pakati kwekusi, nanxa bebehleli pantsi ndawonye, wahlala pantsi u‐Petrosi pakati kwabo. 56Sati isicakazana esitile sakumbona ehleli pantsi ngasemlilweni, samjongela, sati: Naló ebenaye. 57Koko wamkanyelayo, esiti: Nkazanandini! andimazi. 58Kwasekumzuzwana omnye wambona wati: Nawe ungowakubo. Koko u‐Petrosi wati: Mntundini! andinjalo. 59Yati yakugqita yanga yiyure inye, omnye umntu waqinisa ukutshoza, esiti: Ngokwenyaniso naló ebenaye; ngokuba kwa yena engum‐Galili. 60Koko wati u‐Petrosi: Mntundini! andiyazi into oyitetayo. Yaselisiti kwa oko, nxa ebesateta, yalila inkuku. 61Yaza yajika inkosi, yamkangela u‐Petrosi. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi lenkosi, okokuba ibitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu. 62Waselepuma ngapandle u‐Petrosi, walila ngento ebuṙaṙa.
63Aza amadoda abembamba u‐Yesu amhleka, amtyabula: 64ati akuba ebemgubungele amehlo, ambeta ebusweni, ambuza, esiti: Laula, wabetwa ngubanina? 65Nezinye izinto ezininzi ebeziteta ngakuye ngokugxeka.
66Kwati kwakuba kuse kusile, kwahlanganisana abadala babantu, nabaperisite abakulu nababa̔li, bamr̔olela entlanganisweni yabo, besiti: 67Unguye u‐Kristu kusinina? sixelele. Wayesiti kubo: Ukuba ndiyanixelela, aniyi kukolwa; 68nokuba ndiyabuza nam, aniyi kundipendula, aniyi kundikulula kanjako. 69Emveni kwakaloku nje unyana wesintu woba ehleli ngasekunene kwamandla katixo. 70Baza bati bonke: Wena pofu unguye unyana katixo na? Waza wati kubo: Nitsho nina, ukuba ndinguye. 71Bati bona: Sisafunela nina ubunqi̔na? ngokuba tina ngokwetu sivile ngomlomo wake.

Actualmente seleccionado:

Ivangeli ka‐Luke 22: XHO1902A

Destacar

Compartir

Copiar

None

¿Quieres guardar tus resaltados en todos tus dispositivos? Regístrate o Inicia sesión