Logo de YouVersion
Ícono Búsqueda

Ivangeli ka‐Johane 13

13
1KEKALOKU ingekabiko ipasika, wati u‐Yesu, esazi ukuba lifikile ixeshana lake, lokuba emke kwelilizwe aye kuyise, ebatandile abake abebeselizweni, wabatanda kwada kwasekupeleni. 2Kwaza kwakubako isidlo sokuhlwa, u‐Satane esel’ efakile nje entliziyweni ka‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone, okokuba amngcatshe, 3wati u‐Yesu, esazi ukuba zonke izinto uzinikile uyise ezandleni zake, nokuba wapuma kutixo, nokuba uyaya kutixo, 4wesuka esidlweni sokuhlwa, wazibeka pantsi ingubo, watabata iqiya, wazibinqa. 5Wandula wagalela amanzi esityeni, waqala ukuhlanza inyawo zabadisipile, nokuzisula ngeqiya leyo ubebinqiwe ngayo. 6Wada weza ku‐Simone Petrosi: waza wati yena lowo kuye: Nkosi! wena uyahlanza inyawo zam na? 7Wapendula u‐Yesu wati kuye: Oko ndikwenzayo akukwazi ngoku; kodwa uya kukuqonda kamva. 8Wati u‐Petrosi kuye: Akusayi kuhlanza inyawo zam kwa napakade. Wati u‐Yesu ukumpendula: Xeshekweni ndingakuhlanzi, akunabukolwane nam. 9Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! kungabi zinyawo zam zodwa, kube zizandla nentloko nazo. 10Wati u‐Yesu kuye: Lowo uhlanjiweyo akasweli luto ngapezu kwokuba zihlanzwe inyawo, koko ehlambululekile epela: nani nihlambululekile, koko ningenjalo nonke. 11Ngokuba ebesazi lowo ubemngcatsha; kungenxa yoku wati: Anihlambululekile nonke.
12Xeshekweni ngoko ebehlanzile inyawo zabo, wazitabata nengubo zake, wabuya wahlala pantsi, wati kubo: Niyaqonda na into endiyenzileyo kuni? 13Niyandibiza ngokuti, Mfundisi, nangokuti, Nkosi: kanjako niyalungisa ukutsho: ngokuba ndinjalo. 14Ukuba ngoko ndizihlanzile mna inyawo zenu, ndiyinkosi nomfundisi, nifanelwe kukuti nani nihlanzelane inyawo. 15Ngokuba ndininikile umzekelo, ukuze niti, njengokuba ndenze mna kuni, nenje njalo nani. 16Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Akuko sicaka esikulu kwinkosi yaso, nomtunywa omkulu kowamtumayo. 17Ukuba ezizinto niyazazi, ninetamsanqa xeshekweni nizenzayo. 18Anditeti ngani nonke; ndiyabazi mna abo ndabanyulayo; koko kunje ke ukuze sizaliseke isiba̔lo sokuti: Obesidla isonka ndawonye nam, upakamisile isitende sake ngakum. 19Emveni kwoku ndiyanixelela kungekehli, ukuze niti, xeshekweni kuhlayo, nikolwe ukuba ndinguye. 20Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Owamkela osukuba etunywa ndim, uyamkela mna: nowamkela mna, uyamkela owanditumayo.
21Akuba ebekutshilo oku u‐Yesu, wakatazeka emoyeni, wanqi̔na, wati: Ngokwenene, ngokwenene nditi kuni, omnye kuni wondingcatsha. 22Bandula abadisipile bakangelana, betandabuza ukuba uteta ngobanina? 23Kekaloku bekuhleli ekutyeni esifubeni sika‐Yesu omnye wabadisipile bake, obetandwa ngu‐Yesu. 24Wati ngoko u‐Simone Petrosi wakoba kuye lo, ukuba abuze kungaba ngubanina ateta ngaye. 25Waza yena wayama esifubeni sika‐Yesu, wati kuye: Nkosi! ungubanina? 26Wati u‐Yesu ukupendula: Ngulowo endiya kunika umtamo kuye, ndakuba ndiwufakile. Waza akuba ebewufakile wawunika ku‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone. 27Kwati emveni kwomtamo, wandula wangena kuye u‐Satane. Wati ngoko u‐Yesu kuye: Oko ukwenzayo, kwenze kamsinyane. 28Kekaloku bekungeko mntu pakati kwabahleli ekutyeni owaqonda ukuba watsho kuye nganina. 29Ngokuba bebeba inxenye, u‐Jude enenxowa nje, wati u‐Yesu kuye: Tengela umtendeleko izinto esizisweleyo; umhlaumbi, ukuba awape amahlwempu into. 30Yena ngoko, akuba ebewamkele umtamo, waselepuma: kwaye kububusuku ke.
31Ngako xeshekweni ebepumile, wati u‐Yesu: Kaloku unyana wesintu uyenzelwa ubungcwalisa, notixo uyenzelwa ubungcwalisa kuye. 32Ukuba utixo uyenzelwa ubungcwalisa kuye, naye utixo uya kwenzela yena ubungcwalisa kuye ngokwake, waeya kumenzela ubungcwalisa kamsinya. 33Lusatshana! lixesha elincinane endisenani ngalo. Niya kundifuna; nanjengokuba ndati kuma‐Juda: Apo ndiyayo mna, aningeze nina kona; nditsho nakuni ngoku. 34Umyalelo omtsha ndiyawunika kuni, ukuba nitandane; njengokuba nditandile nina, ukuba nani nitandane kwa njalo. 35Ngako oku baya kukwazi bonke ukuba ningabadisipile bam, ukuba ninotando omnye kwomnye.
36Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! uya pina? Wati u‐Yesu ukumpendula: Apo ndiya kona, akungendilandele kaloku; kodwa uya kundilandela kamva. 37Wati u‐Petrosi kuye: Nkosi! kunganina ukuba andingekulandele ngoku? ubomi bam ndobubeka pantsi ngenxa yako. 38Wati u‐Yesu ukumpendula: Ubomi bako wobubeka pantsi ngenxa yam na? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Inkuku ayisayi kulila, ungekandikanyeli katatu.

Actualmente seleccionado:

Ivangeli ka‐Johane 13: XHO1902A

Destacar

Compartir

Copiar

None

¿Quieres guardar tus resaltados en todos tus dispositivos? Regístrate o Inicia sesión