Logo de YouVersion
Ícono Búsqueda

KUMAGALATI 5

5
1Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.
Kumelwe kukwahlulwa phakathi koKristu nomthetho
2Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe nalùka, uKristu akasayi kuninceda lutho. 3Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela. 4Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni. 5Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni. 6Kuba kwabakuKristu Yesu àkunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
7Nibé nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso? 8Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo. 9Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela. 10Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani. 11Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? — singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo. 12Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.
Inkululeko mayilawulwe luthando
13Kuba nina nabizwelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane. 14Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. 15Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
Ukukhokela koMoya
16Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. 17Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. 18Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.
19Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyilé: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, 20ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, 21oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo
22Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; 23akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo. 24Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.
25Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya. 26Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.

Actualmente seleccionado:

KUMAGALATI 5: XHO75

Destacar

Compartir

Copiar

None

¿Quieres guardar tus resaltados en todos tus dispositivos? Regístrate o Inicia sesión