YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Mateyu 4

4
1WANDULA u‐Yesu wakatshelwa entlango ngumoya, ukuba alingwe ngu‐Satane. 2Wati akuba ezilile ukutya imini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane, wada walamba. 3Waza umlingi ezile kuye wati: Ukuba ungunyana katixo, xela ukuba enziwe izonka amatye la. 4Kodwa wapendula wati: Kuba̔liwe ngokuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi apumayo emlonyeni katixo.
5Wandula u‐Satane wamtabatela esixekweni esingcwele, wammisa pezu kwepiko letempile, 6wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, ziwise pantsi; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, eziya kukufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. 7Wati u‐Yesu kuye: Kuba̔liwe kanjako ngokuti: Akuyi kumlinga uyehova, utixo wako.
8Wati kanjako u‐Satane wamtabatela entabeni ende kakulu, wambonisa bonke ubukumkani belizwe nobungcwalisa babo, 9wati kuye: Ezizinto zonke ndozinika kuwe, ukuba uya kuwa pantsi undibedeshe. 10Wandula u‐Yesu wati kuye: Suka, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uyehova, utixo wako, uya kumbedesha, umkonze yena yedwa.
11Wandula u‐Satane wamshiya: zaza, bona ke, zafika ingelosi zamkonza.
12KEKALOKU akuva u‐Yesu ukuba u‐Johane unikelwe entolongweni, wemka waya e‐Galili. 13Waza wati, eshiyile i‐Nazarete, weza wema e‐Kapenayume engaselwandle, emideni yakwa‐Zebulone neyakwa‐Nefatali; 14ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti: 15Ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali, elendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni, 16abantu ababehleli ebumnyameni, babonile ukukanya okukulu, nabo babehleli ezweni nasetunzini lokufa, ukukanya kubapumele. 17Kwa oko waqala u‐Yesu ukushumayela nokuti: Guqukani; ngokuba ubukumkani bezulu sebukufupi.
18Waza u‐Yesu, ehamba ngaselwandle lwase‐Galili, wabona abazalwana ababini, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake, beposa utambo elwandle: ngokuba bebengabalobi bentlanzi. 19Wayesiti kubo: Yizani emva kwam, ndandiya kunenza abalobi babantu. 20Basuka bazishiya intambo, bamlandela. 21Kanjalo egqitile apo, wabona abanye abazalwana ababini, u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake, besenqanaweni no‐Zebedi uyise wabo, belungisa intambo zabo; waza wababiza. 22Basuka bashiya inqanawa noyise wabo, bamlandela.
23Waza u‐Yesu wajikajikela yonke i‐Galili, efundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, eshumayela ivangeli yobukumkani, epilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane pakati kwabantu. 24Lwaza udumo lwake lwapumela kuyo yonke i‐Siriya; bada bazisa kuye bonke abafayo, ababanjwa zizifo nezibulawa ezininzi, nabangenelwa zidemoni, nabanesatutwane, nabanesifo sokushwabanisa; wabapilisa ke. 25Zaza izihlwele ezininzi zamlandela, zivela e‐Galili, nase‐Dekapolisi, nase‐Yerusaleme, nase‐Judeya, napesheya kwe‐Yoredane.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in