YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Mateyu 3

3
1KULEYO imihla kwavela u‐Johane umbapitizeshi, eshumayela entlango yase‐Judeya, 2esiti nokuti: Guqukani; ngokuba ubukumkani bezulu sebukufupi. 3Ngokuba enguye lo kwatetwa ngaye ngu‐Yisaya umprofite, esiti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzani imendo yake ilungelelane. 4Kekaloku lowo u‐Johane wayenengubo yake yenziwe ngoboya benkamela, enombinqo wolusu esinqeni sake; nokutya kwake bekuzinkumbi nobusi basendle.
5Yandula yapumela kuye i‐Yerusaleme, nayo yonke i‐Judeya, nalo lonke ilizwe langase‐Yoredane; 6babapitizeshwa nguye e‐Yoredane apo, bevuma izono zabo.
7Kodwa akubona abaninzi babafarisi nabasadusi bezela ubapitizesho lwake, wati kubo: Sizukulwanandini senyoka! ngubanina onibonisileyo ukuba nibaleke umsindo oza kuza? 8Velisani ngoko izixakato eziyelelana noguquko; 9nize ningabi niti ngokwenu: Sinaye U‐Abrahame engubawo; ngokuba ndisiti kuni: Utixo angavusela u‐Abrahame usapo kulamatye. 10Kanjako izembe lise libekwe ngasezingcanjeni zemiti: iti ngoko yonke imiti engavelisi izixakato ezilungileyo igaulwe, iposwe emlilweni. 11Mna okunene ndiyanibapitizesha ngamanzi lube luguquko; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla amakulu kwawam, endingafanelekile ukutwala izihlangu zake; yena wonibapitizesha ngomoya oyingcwele nangomlilo: 12omnyazi wokwela usesandleni sake, waeya kucokisa isibaya sake, ati inqolowa yake ayihlanganisele esiseleni, kodwa umququ wowutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
13Wandula u‐Yesu wavela e‐Galili weza e‐Yoredane ku‐Johane, ukuba abapitizeshwe nguye. 14Kuloko u‐Johane wabemalela, esiti: Mna ndifanele ukubapitizeshwa nguwe nje, uza wena kum na? 15Kodwa wapendula u‐Yesu wati kuye: Kauvume kube kaloku nje; ngokuba ngokunjalo kufanelekile kuti ukuzalisekisa bonke ubulungisa. Wandula ukumvumela. 16Waza wati u‐Yesu, akuba ebapitizeshiwe, waselenyuka emanzini; kekaloku bona ke, izulu lavulekela kuye, waza wabona umoya katixo esihla njengehobe, esiza pezu kwake. 17Kanjalo bona ke, ilizwi lavela ezulwini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in