IZILILO 2
2
Umvandedwa weZiyon ubangwa ngumsindo weNkosi
1Yoo! Itheni na iNkosi yam
ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon?
Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli,
Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo.
2INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi;
Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda;
Yazizisa emhlabeni;
Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo.
3Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli;
Isibuyisé umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba;
Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke.
4Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli,
Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni;
Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo.
5INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli,
Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu;
Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala.
6Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo;
Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano;
UYehova wenzé walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha;
Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli.
7INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nèthe kuyo ingcwele yayo,
Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde;
Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko.
8UYehova ucingé ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon;
Wolulé ulutya lokulinganisela, àkasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni;
Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.
9Amasango ayo atshonile emhlabeni; úyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo;
Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo;
Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova.
10Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon;
Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo;
Úzithòbele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.
11Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam,
Isibindi sam siphalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu,
Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
12Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini?
Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi,
Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.
13Ndíkungqinele, ngantoni na? Ndíkufànekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem?
Ndíkulingànise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon?
Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
14Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu;
Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho;
Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
15Bàbetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela;
Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi,
Nguló mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
16Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo;
Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile;
Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
17Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele;
Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo;
Ugungxule, àkaconga;
Wenzé lwakuvuyelela utshaba lwakho,
Uphakamisé uphondo lwababandezeli bakho.
18Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam;
Lùdonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku;
Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.
19Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo;
Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi;
Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho,
Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.
20Bóna, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wènjénje ukumphatha kakubi?
Abafazi bangádla isiqhamo somzimba wabo na? Badlè abantwana ababathantamisayo na?
Angábulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?
21Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu;
Umthinjana wam namadodana am awile likrele;
Ùbulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.
22Ùkumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke,
Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova.
Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.
Currently Selected:
IZILILO 2: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.