YouVersion Logo
Search Icon

IZILILO 1

1
Isiphanziso seZiyon nomvandedwa wayo
1Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi;
Obe umkhulu ezintlangeni
Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni
Usuke waba ngofakwa uviko.
2Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe;
Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe;
Onke amakholwane akhe ammenezelele,
Aba lutshaba kuye.
3UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi;
Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla;
Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
4Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni;
Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina;
Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
5Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo;
Ngokuba uYehova uyenzé yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi;
Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.
6Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo;
Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo,
Ahamba engenamandla phambi komsukeli.
7IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo,
Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo,
Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi;
Ababandezeli bayo báyibona, bakúhleka ukucinywa kwayo.
8IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha;
Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba baboné ubuzé bayo;
Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
9Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo;
Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli;
Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.
10Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo;
Kuba ibona iintlanga zingené engcweleni yayo,
Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.
11Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka;
Barholé izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo;
Bóna, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.
12Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela?
Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo,
Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
13Engaphezulu, uthumé umlilo emathanjeni am, wawanyathela;
Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva;
Undenzé inxuwa, yonke imini ndityhafile.
14Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe;
Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am;
INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
15INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam;
Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am.
INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
16Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi,
Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam;
Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
17IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli;
UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge;
IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.
18Úlilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe.
Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam;
Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.
19Ndibizé izithandane zam, zandikhohlisa zona;
Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi,
Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.
20Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila;
Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela;
Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
21Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli;
Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwé nguwe.
Ùyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
22Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo,
Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke;
Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.

Currently Selected:

IZILILO 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in