YouVersion Logo
Search Icon

IZIKRONIKE I 5

5
Imilibo yezizalwana
1Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo; 2ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye ingànga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu): 3oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguEnoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi. 4Oonyana bakaYoweli nguShemaya unyana wakhe, nguGogi unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, 5nguMika unyana wakhe, nguRehaya unyana wakhe, nguBhahali unyana wakhe, 6nguBhehera unyana wakhe, owafuduswa nguTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya; nguye obesisikhulu samaRubhen. 7Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya, 8noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon. 9Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi. 10Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.
11Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka; 12nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan. 13Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo. 14Ngabo aba oonyana baka-Abhihayili, unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuzi: 15uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yooyise. 16Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo. 17Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.
18Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amané anesiné amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi. 19Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi. 20Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye. 21Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka. 22Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.
23Ke kaloku oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase bahlala kwelo zwe; bathabathela eBhashan, besa eBhahalihermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon, ukuba baninzi kwabo. 24Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: noEfere, noIshi, noEliyeli, noAzeriyeli, noYeremiya, noHodaviya, noYadiyeli, amadoda angamagorha anobukroti, amadoda anegama, iintloko zezindlu zooyise.
25Bameneza kuThixo wooyise, bahenyuza ngokulandela oothixo bezizwe zelo zwe, awazitshabalalisayo uThixo phambi kwabo. 26UThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wawafudusa amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabása eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni oyiGozan, unanamhla.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 5: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in