YouVersion Logo
Search Icon

IZIKRONIKE I 4

4
Imilibo yezizalwana
1Oonyana bakaYuda nguPeretse, noHetseron, noKarmi, noHuri, noShobhali. 2URehaya, unyana kaShobhali, wazala uYahati; uYahati wazala uAhumayi noLahadi. Yiyo le imizalwane yabaseTsora. 3Yiyo le eyazala amaEtam: nguYezereli, noIshma, noIdebhashe; igama lodade wabo belinguHatseleleponi; 4noPenuweli ozala amaGedore, noEzere ozala amaHusha. Ngabo abo oonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata, ozala amaBhetelehem.
5UAshuri, ozala amaTekowa, ebenabafazi ababini, uHela noNahara. 6UNahara wamzalela uAhuzam, noHefere, namaTemeni, namaHahashtari. Ngabo abo oonyana bakaNahara. 7Oonyana bakaHela nguTserete, noYetsohare, noEtenan. 8UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.
9Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse,• esithi, Ndimzele ngokubulaleka. 10UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.
11UKelubhi, umkhuluwa kaShuwa, wazala uMehire, onguyise kaEshton. 12UEshton wazala indlu kaRafa, noPaseha, noTehina, ozala umzi kaNahashe. Ngawo lawo amadoda akwaReka. 13Oonyana bakaKenazi: uOteniyeli noSeraya; oonyana bakaOteniyeli nguHatati noMehonotayi. 14UMehonotayi wazala uOfera; uSeraya wazala uYowabhi, ozala ooGeharashim,• ngokuba bebeziingcibi.
15Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, ngooIru, noEla, noNaham; oonyana bakaEla; nabakaKenazi. 16Oonyana bakaYehaleleli ngooZifi noZifa, ngooTireya noAsareli. 17Oonyana bakaEzera nguYetere, noMerede, noEfere, noYalon. Wazala uMiriyam, noShamayi, noIshbha, ozala amaEshtemowa. 18Umkakhe uYehudiya wazala uYerede, ozala amaGedore; noHebhere, ozala amaSoko; noYekutiyeli, ozala amaZanowa. Ngabo abo oonyana bakaBhitya, intombi kaFaro, awayizekayo uMerede. 19Oonyana bomkakhe uHodiya, udade boNaham: ngozala amaKehila, umGarmi; nozala amaEshtemowa, umMahaka. 20Oonyana bakaShimon ngooAmnon noRina, ngooBhen-hanan noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZohete noBhen-zohete.
21Oonyana bakaShela, unyana kaYuda, ngooEre ozala amaLeka, noLada ozala amaMaresha, nemizalwane yendlu yabasebenza ilinen ecikizekileyo, yendlu ka-Ashbheya; 22noYokim, namadoda aseKozebha, noYowashe, noSarafe (aba bazizikhulu kwaMowabhi), noYashubhilehem. Ke ezo zinto zezakudala. 23Ngabo abo ababumbi nabemi baseNetayim neGedera; bahlala khona nokumkani emsebenzini wakhe.
24Oonyana bakaSimon nguNemuweli, noYamin, noYaribhi, nguZera noSawule, nguShalum unyana wakhe, 25nguMibhesam unyana wakhe, nguMishma unyana wakhe. 26Oonyana bakaMishma nguHamuweli unyana wakhe, nguZakure unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe. 27UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda. 28Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali, 29naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi, 30naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage, naseBhete-markabhoti, 31naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani. 32Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu; 33nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.
34UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya, 35noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli, 36noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya; 37noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya: 38abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.
39Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane. 40Bafumana utyani bukhulile, bubuhle; ilizwe libanzi ngeenxa zombini, lizolile, lonwabile; ngokuba abakaHam babemi khona kudala. 41Beza abo babhaliweyo amagama ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, bazixhaxha iintente zabo, bawasingela phantsi namaMehun abawafumana khona, unanamhla. Bahlala ezikhundleni zabo; ngokuba bekukho utyani bempahla yabo emfutshane khona. 42Kwaphuma kubo, koonyana bakaSimon abo, kwaya entabeni yaseSehire, amadoda angamakhulu amahlanu, ephethwe ngooPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi. 43Baxabela amaqongqolo ama-Amaleki abesindile; bahlala khona unanamhla.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in