YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseRoma KwabaseRoma 6

KwabaseRoma 6
1Sithini na ke ngoko? Sihlale esonweni na, ukuze ubabalo lwande? 2Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso? 3Anazi na ukuba thina sonke, sabhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? 4Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni, ukuze, njengokuba uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha. 5Kuba xa similiselwe kuye ngemfano yokufa kwakhe, somiliselwa kuye nangeyokuvuka kwakhe; 6sikwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono; 7Kaloku owafayo ugwetyelwe, wakhululwa kuso isono. 8Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwandawonye naye; 9Siyazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusayi kuba nagunya kuye. 10Kuba ukufa awakufayo, wafela isono kwaba kanye; 11Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu. 12Ngoko ke isono masingalawuli emzimbeni wenu onokufa, ukuze nisilulamele ngokwenza iinkanuko zawo. 13Kaloku amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswela-bulungisa; 14Kaloku isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo. 15Kuthiweni na ngoko? Sone na, kuba singekho phantsi komthetho, siphantsi kobabalo? Makube lee oko. 16Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo; nokuba kungokwesono, kusingise ekufeni, nokuba kungokululama, kusingise ebulungiseni? 17Makabulelwe ke kuThixo, kuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; 18Nakhululwa ke kuso isono, naba ngabalawulwa bobulungisa. 19Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho; ngokunjalo ke ngoku, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke. 20Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa. 21Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sezo zinto kukufa. 22Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo senu esisabungcwele, isiphelo ke eso bubomi obungunaphakade. 23Kaloku umvuzo wesono kukufa; ke sona isipho sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in