YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseRoma KwabaseRoma 5

KwabaseRoma 5
1Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; 2Esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo. 3Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; 4unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; namava, ithemba; 5Ithemba alidanisi; ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo. 6Kuba uKristu uthe, sakuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo. 7Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo; 8Ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele. 9Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. 10Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe. 11Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje ucamagushelo. 12Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo; 13Kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa ekubeni ungekho umthetho. 14Ke ukufa kwalawula, ukususela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngendlela efana nesigqitho sika-Adam, ongumfanekiselo walowo ubeza kubakho. 15Kodwa ke sona isipho asibanga njengesiphoso. Kuba, xa abaninzi bafa sisiphoso somnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu, esa ngamntu mnye, uYesu Kristu, lwaphuphumela kubo abaninzi aba. 16Kaloku isipho sesiphoso asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni. 17Kaloku xa kwathi ngesono samntu mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye; kobeka phi na ke abamkela ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, baya kulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu. 18Ngoko ke, njengokuba kwathi ngasiphoso sinye kwabakho ukugwetywa kwabo bonke abantu; Ngokunjalo nangesenzo esinye sobulungisa, isipho sesisa kwabafikela bonke abantu, begwebela ubomi. 19Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa. 20Ke kaloku umthetho ungene, ukuze isikreqo sande. Ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo; 21ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade ngoYesu Kristu, iNkosi yethu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in