KwabaseFilipi KwabaseFilipi 1
KwabaseFilipi 1
1uPawulos noTimoti, abakhonzi bakaYesu Kristu, babhalela bonke abangcwele abakuKristu Yesu, abaseFilipi, ndawonye nabaveleli nabalungiseleli; 2Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 3Ndiyambulela uThixo wam xa ndinikhumbula. 4Ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyiswa; 5Ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku; 6ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu; 7njengokuba kufanelekile ukuba ndicinge oku ngani nonke, ngokuba nikum entliziyweni; nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke. 8Kaloku uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu. 9Ndithandazela ke oku, ukuba uthando lwenu luphuphume ngakumbi nangakumbi ekwazini nasekucingeni konke, 10ukuze nizicikide izinto eziziincamisa; ukuze nibe msulwa, ningabi nasiphako, ide ibe yiloo mini kaKristu; 11nizele ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelise ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo. 12Ke kaloku ndinga ningàzi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo; 13ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba ndikuKristu; 14baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika. 15Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani; ukanti ke inxenye ikholwa; 16Abanye bamvakalisa uKristu ngeyelenqe, benganyanisekanga, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam; 17ke aba, benziwa luthando, bamazisa wKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo. 18Kuthiweni na ngoko? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya. 19Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela elusindisweni lwam ngako ukundithandazela, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu; 20kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa. 21Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo. 22Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi. 23Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; eyona nto ingcono kakhulu: 24Kodwa ukuhlala ndihleli ndisenyameni yeyona nto ifunekayo ngenxa yenu. 25Kananjalo, ndikholose ngoko nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndihlale, ndihleli nani nonke, ukuze nihambele phambili, nivuyiswe lukholo; 26ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni. 27Kuphela nje ihambo yenu mayibe njengokufanele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu; ukuze, nokuba ndithe ndeza kunibona, nokuba ndingekhoyo, ndive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, nicinga nto-nye, nizama ukholo lwenu, ivangeli; 28Into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo. 29Kaloku naninikwe igunya ngenxa kaKrestu, ukuze ninganeli kukholwa kuye kuphela, koko nive ubunzima ngenxa yakhe, 30ninawo umzamo onjengalowo nawubonayo kum, nangoku niwuvayo ukuba ukho kum.
Currently Selected:
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 1: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.