uMarko uMarko 8
uMarko 8
1Ke kaloku, ngaloo mihla, ekubeni zininzi izihlwele, kungekho nanto idliwayo na, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo, 2Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele; ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; 3ukuba ndithe ndabandulula baya emakhayeni abo bengadlanga, botyhafa endleleni; kuba inxenye yabo ivela kude. 4Bamphendula abafundi bakhe, besithi, Wokuzuza phi na umntu ukuba nako ukubahluthisa aba ngezonka, entlango apha? 5Wababuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. 6Wayalela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; zazibeka phambi kwabantu. 7Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo. 8Badla ke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi zasixhenxe zamaqhekeza aseleyo. 9Ke kaloku abo babesidla babemalunga namawaka amane. Wabandulula ke. 10Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta. 11Baphuma abaFarisi, baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini, bemlinga. 12Encwina kakhulu emoyeni wakhe, wathi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene, ndithi kuni, Akukho mqondiso uya kunikwa esi sizukulwana. 13Wabashiya, wabuya wangena emkhombeni, wemka waya ngaphesheya. 14Ke kaloku abafundi babelibele ukuphatha izonka; kananjalo babengenanto isikhephe emkhombeni ngaphandle kwesonka esinye. 15Wabayala esithi, Ligqaleni, nililumkele igwele labaFarisi, negwele likaHerode. 16Baye becamanga bodwa besithi, Kungokuba singenazonka. 17Ekwazi oko uYesu, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange, ngokuba ningenazonka? Anikaqondi na ukuba anikaqondi? Isaqaqadekile na intliziyo yenu? 18Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? anikhumbuli na? 19Oko ndaqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi kuye, Balishumi elinababini. 20Okuya ke ezisixhenxe ndaziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iingobozi zizele ngamaqhekeza enazisusayo? Bathi ke bona, Zisixhenxe. 21Uthe ke kubo, Phofu yini na ukuba ningaqondi? 22Ufika eBhetesayida; bazisa imfama kuye, bambongoza ukuba ayichukumise. 23Wayibamba ngesandla imfama, wayirholela ngaphandle komzi; Watshica emehlweni ayo, wabeka izandla phezu kwayo, wayibuza ukuba ibona nto na? 24Yaza yakhangela phezulu yathi, Ndiyababona abantu behamba, ngathi yimithi. 25Wabuya wazibeka izandla phezu kwamehlo ayo, wayikhangelisa phezulu; yabuya yaphila, yababona bonke kakuhle. 26Wayindulula ukuba iye endlwini yayo, esithi, Uze ungangeni esixekweni, ungathethi nakubani kuwo umzi. 27Waphuma uYesu nabafundi bakhe, waya emizini yaseKesareya yakwaFilipu; waye endleleni ebabuza abafundi bakhe, esithi kubo, Kuthiwa ngabantu ndingubani na mna? 28Baphendula ke bona, bathi, UnguYohane umbhaptizi; bambi ke bathi, Ungomnye wakubaprofeti. 29Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Aphendule ke uPetros athi kuye, Wena unguye uKristu. 30Wabakhalimela ukuba bangaxeleli bani ngaye. 31Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke. 32Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. Waza uPetros wamthabatha, waqala ukumkhalimela. 33Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana, ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu. 34Esibizele kuye indimbane, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. 35Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa lowo. 36Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? 37Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? 38Othe waneentloni ngam nangamazwi am, kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonayo, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.
Currently Selected:
uMarko uMarko 8: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.