YouVersion Logo
Search Icon

uMarko uMarko 7

uMarko 7
1Bahlanganisana ke abaFarisi, nabathile kubachazi-mthetho, bevela eYerusalem; 2Babona inxenye kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi, ngezingahlanjwanga, basuka basola. 3Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange. 4Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; Kukho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, neetafile. 5Bambuza ke abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga? 6Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. 7Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. 8Nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. 9Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu. 10Kaloku uMosis wathi: “Beka uyihlo nonyoko; nokuthi, Othuka uyise nokuba ngunina, makafe ukufa; 11Ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, YiKorbhan, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; uya kukhululwa; 12anisayi kumvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina; 13Nilenza litshitshile ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo. 14Esibizele kuye sonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde. 15Akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu. 16Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. 17Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo. 18Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqondi na ukuba yonke into engaphandle ingena emntwini, ayinako ukumenza inqambi; 19Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungekabi kusesiswini sakhe; 20Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu; 21Kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezingendawo, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala; 22ubusela, ukubawa, okungendawo, inkohliso, uburheletya, iliso elibi, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; 23zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu. 24Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko. 25Kuba yathi yakuva ngaye intokazi entombi ibinomoya ongcolileyo, yeza yawa ezinyaweni zakhe. 26Ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenike ngokuzalwa; yambongoza ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo. 27Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. 28Waphendula ke wathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana. 29Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho. 30Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo. 31Wabuya waphuma emideni yaseTire, waya eTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli. 32Kwaziswa kuye umntu osisithulu, osisithulu; bambongoza ukuba abeke isandla sakhe phezu kwakhe. 33Wamthabatha ke esihlweleni, wayibeka bucala iminwe yakhe ezindlebeni zakhe, watshica, wachukumisa ulwimi lwakhe. 34Wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuyo, Efata; oko kukuthi, Vuleka. 35Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa. 36Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi. 37Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.

Currently Selected:

uMarko uMarko 7: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in