uMarko uMarko 3
uMarko 3
1Wabuya wangena endlwini yesikhungu; Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. 2Baye ke bemlalele ukubona ukuba womphilisa na ngesabatha; ukuze bammangalele. 3Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. 4Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Bathi tu ke bona. 5Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, saphila ke isandla sakhe, saba ngesinye. 6Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise. 7Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha enkulu yaseGalili nakwelakwaYuda 8naseYerusalem, nakwaIdume, naphesheya kweYordan; NakwelaseTire neTsidon, inkitha enkulu, yakuva ukuba zininzi kwazo izinto abezenza, yeza kuye. 9Waza wathi kubafundi bakhe, umkhonjana umlinde ngenxa yendimbane, hleze bamxinzelele phantsi. 10Kuba wayephilise abantu abaninzi; ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; 11Nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Wena unguye uNyana kaThixo. 12Wabakhalimela ukuba bangamtyhili. 13Unyuke ke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; beza kuye. 14Wamisela abalishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuba abathume baye kushumayela; 15nokuba negunya lokuphilisa izifo, nelokukhupha iidemon; 16Kwaye uSimon awamthiya ngokuba nguPetros; 17noYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi; Waza wabathiya igama elinguBhowanerges, oko kukuthi, oonyana beendudumo; 18noAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon umKanan, 19NoYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo naye, bangena endlwini. 20Kwabuya kwahlanganisana isihlwele, ngokokude bangabi nakutya isonka. 21Bakuva ke oogxa bakhe, baphuma besiya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza. 22Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; 23Wababizela kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana? 24Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; 25nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; 26NoSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. 27Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo; andule ke ukuyiphanga indlu yakhe. 28Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; 29Ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. 30Kuba besithi, Unomoya ongcolileyo. 31Bafika ngoko abazalwana bakhe nonina, bema ngaphandle, bathumela kuye bembiza. 32Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. 33Wabaphendula wathi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? 34Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, wathi, Nanku uma nabazalwana bam. 35Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
Currently Selected:
uMarko uMarko 3: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.