YouVersion Logo
Search Icon

uMarko uMarko 2

uMarko 2
1Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usendlini. 2Kwathi kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi. 3Kwafika abantu kuye bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané. 4Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika uphahla apho abekhona, baza bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe. 5Akulubona uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho. 6Kwaye kukho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi, 7Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? 8Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? 9Okukhona kulula phi na, ukuthi konedumbe, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe? 10Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), 11Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. 12Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke; Bada bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje. 13Wabuya waphuma waya ngaselwandle; zaye zisiza kuye zonke izihlwele; 14Uthe ke edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Wesuka ke wamlandela. 15Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. 16Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe, Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? 17Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. 18Baye ke abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla. Beza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti bona abafundi bakho abakuzili? 19Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? ngalo lonke ixesha basenabo umyeni, abanako ukuzila. 20Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. 21Akukho ke uthungela isiziba esitsha engutyeni endala; 22Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha. 23NgoMhla wokuPhumla wacanda emasimini. Baqala ke abafundi bakhe ukukha izikhwebu. 24Baza bathi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo? 25Wathi kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye? 26Okokuba wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye? 27Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha. 28Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.

Currently Selected:

uMarko uMarko 2: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in