uMateyu uMateyu 26
uMateyu 26
1Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, 2Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. 3Bahlanganisana ngoko ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa. 4Babhunga ukuba bambambe uYesu ngobuqhophololo, bambulale. 5Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge phakathi kwabantu. 6Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, 7Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. 8Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? 9Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. 10Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. 11Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. 12Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. 13Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. 14Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, 15Wathi kubo, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Banqophisana naye ngamaqhosha esilivere amashumi mathathu. 16Waza kwalapho wafuna ithuba elimlungeleyo lokuze amnikele kubo. 17Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? 18Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam. 19Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako; bayilungisa ke ipasika. 20Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini. 21Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. 22Bakuba buhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim, yini na, Nkosi? 23Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. 24uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. 25Waphendula ke uYuda, lowo umngcatshayo, wathi, Ingaba ndim, yini na, Rabhi? Wathi ke yena kuye, Uselutshilo nawe. 26Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. 27Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; 28kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. 29Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo. 30Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. 31Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi. 32Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili. 33Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna. 34Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. 35Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke abafundi. 36Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane, athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. 37Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. 38Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha, nilinde nam. 39Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. 40Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? 41Phaphani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. 42Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho. 43Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo. 44Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi. 45Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni. 46Vukani, sihambe; yabonani, usesondele lowo undingcatshayo. 47Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu. 48Ke kaloku lowo umngcatshayo wayebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; 49Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Vuya, Rabhi; wamanga. 50Athi uYesu kuye, Wethu, yini na ukuba uze? Beza ngoko, bamsa izandla uYesu, bambamba. 51Waza omnye wabo babenoYesu wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe. 52Waza wathi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele. 53Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini? 54Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje? 55Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba. 56Kodwa konke oku kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka. 57Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu. 58Ke yena uPetros wamlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo. 59Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; 60nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini. 61Athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu. 62Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? bangqina ntoni na aba ngawe? 63Wathi tu uYesu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, uNyana kaThixo. 64Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. 65Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe. 66Nithini na? Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokufa. 67Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye ke bambetha ngentende zezandla. 68Zithi, Siprofetele, wena Kristu, ukubethileyo ngubani na? 69Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili. 70Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo. 71Ephumile waya esangweni, sambona esinye, sathi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete. 72Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu. 73Kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba intetho yakho iyakudiza. 74Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yalila kwaoko inkuku. 75Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Waza waphuma phandle, walila ngokukrakra.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 26: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.