uMateyu uMateyu 27
uMateyu 27
1Kwathi kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bamsike. 2Bathe ke bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli. 3Uthe ke uYuda, lowo umngcatshayo, akubona ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela loo maqhosha esilivere amashumi mathathu kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu, 4esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? zibonele wena. 5Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma. 6Bawathabatha ke ababingeleli abakhulu loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuba awaphose emkhumbini wokulondoloza imali, kuba elixabiso legazi. 7Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwaba abasemzini. 8Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje. 9Kwazaliseka ke okwathethwayo ngomprofeti uYeremiya, esithi, Bawathabatha amaqhosha esilivere amashumi mathathu, ixabiso lalowo uqiqiweyo, lowo waqingqwelwa ngoonyana bakaSirayeli; 10bawanikela ngenxa yentsimi yombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi. 11Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuye, Nawe utsho. 12Uthe ke akumangalelwa ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendula nto. 13Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe? 14Akazange amphendule nelizwi elinye; yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo. 15Ke kaloku ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukubakhululela abantu umbanjwa abe mnye, abasukuba bemfuna. 16Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas. 17Bakubon’ ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na? uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na? 18Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona. 19Akuba ehleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe. 20Ke bona ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ukuba zicele uBharabhas, zimbulale uYesu. 21Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathi ke bona, uBharabhas. 22Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni. 23Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bakhalayo ngakumbi, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni. 24Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina. 25Baphendula ke bonke abantu, bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu. 26Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni. 27Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela kuye ibutho lawo liphela. 28Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu. 29Baluka isithsaba sameva, bambeka ngaso entloko, bafaka ingcongolo esandleni sakhe sokunene, baguqa ngamadolo phambi kwakhe, bahlekisa ngaye, besithi: “Awu, Kumkani wamaJuda! 30Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko. 31Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni. 32Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe. 33Bakufika kwindawo ekuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi. 34Amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba ayisele; wathi akuba eyivile, akavuma ukuyisela. 35Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam. 36Ahlala phantsi, amlinda khona apho. 37Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, lo nguYesu uKumkani wamaYuda. 38Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo. 39Bamtshabhisa ke abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, 40besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; Ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni. 41Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu bedlala ngaye, benababhali namadoda amakhulu, besithi, 42Wabasindisa abanye; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba unguKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, size simkholwe. 43Wakholosa ngoThixo; makamhlangule ngoku, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo. 44Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo. 45Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba. 46Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na? 47Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya. 48Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza. 49Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na. 50uYesu, ephinde wadanduluka ngelizwi elikhulu, wawukhupha umoya. 51Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi; Wanyikima umhlaba, namawa acandeka; 52Amangcwaba avuleka; yaza yavuka imizimba emininzi yabangcwele ababelele; 53baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi. 54Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo. 55Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babelandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela; 56ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi. 57Kwathi kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye. 58Yena lowo waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikwe umzimba. 59Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe. 60Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka. 61Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba. 62Ke kaloku ngengomso, eliyimini yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato; 63besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. 64Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. 65Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; 66Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 27: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.