uMateyu uMateyu 17
uMateyu 17
1Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. 2Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya. 3Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye. 4Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. 5Kwathi, esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena. 6Bakukuva oko abafundi, bawa ngobuso, boyika kakhulu. 7Waya ke uYesu, wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki. 8Bathe ke bakuwaphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa. 9Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. 10Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? 11Waphendula uYesu wathi kubo, Okunene uEliya uya kufika tanci, azimise zonke izinto. 12Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo naye uNyana woMntu wova ubunzima ngabo. 13Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi. 14Ke kaloku, bakubon’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye indoda, yaqubuda kuye, yathi. 15Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, ubandezelekile; kuba futhi esiwa emlilweni, nasemanzini futhi. 16Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa. 17Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha. 18Waza uYesu wayikhalimela indimoni leyo; wemka kuye; waphiliswa umntwana kwangelo lixa. 19Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? 20Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, ihambe; kwaye iya kufuduswa; akukho nanye into eya kuninqabela. 21Olu hlobo ke aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla. 22Ke kaloku, bakubon’ ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu; 23baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Baba buhlungu kakhulu. 24Ke, bakubon’ ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile? 25Athi, Ewe. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na? 26Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Athi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona abantwana. 27Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; yithabathe yona, ubanike, ibe yeyam nawe.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 17: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.