1
uMateyu uMateyu 17:20
Contemporary Xhosa Bible 2024
Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, ihambe; kwaye iya kufuduswa; akukho nanye into eya kuninqabela.
Compare
Explore uMateyu uMateyu 17:20
2
uMateyu uMateyu 17:5
Kwathi, esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
Explore uMateyu uMateyu 17:5
3
uMateyu uMateyu 17:17-18
Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha. Waza uYesu wayikhalimela indimoni leyo; wemka kuye; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
Explore uMateyu uMateyu 17:17-18
Home
Bible
Plans
Videos