uLuka uLuka 9
uLuka 9
1Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo. 2Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe. 3Wathi kubo, Ningaphathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali; ningabi nangubo zangaphantsi ngambini; 4Nendlu enithe nangena kuyo, hlalani khona, nimke khona. 5Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo. 6Bephumile ke, bayihambahamba imizi, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke. 7Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; 8kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange. 9Wathi uHerode, uYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye? Wayefuna ke ukumbona. 10Bebuyile abapostile, bamcacisela ukuba zinkulu kwezinto ababezenzile. Wabathabatha ke, wemka waya nabo ngasese kwindawo eyintlango yomzi ekuthiwa yiBhetesayida. 11Sithe ke isihlwele, yakukwazi oko, samlandela; waza wabamkela, wathetha kubo ngobukumkani bukaThixo, wabaphilisa ababeswele ukuphila. 12Ke kaloku, kwakubon’ ukuba selithambekile ke ilanga, beza abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze ziye emizini nasemaphandleni, zilale, zifumane ukudla; ngokuba sisentlango apha indawo. 13Uthe ke yena kubo, Bapheni nina batye. Bathi ke bona, Asisenanto ingeyiyo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; ngaphandle kokuba siye kubathengela inyama aba bantu bonke. 14Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqise babe ngamaqela ngamashumi ngamahlanu, babe ngamahlanu. 15Benjenjalo, babangqengqisa bonke. 16Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni. 17Batya bahlutha bonke, kwaza kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini. 18Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na? 19Baphendula ke bona bathi, UnguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi, NguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange. 20Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, NguKristu kaThixo. 21Wabayala kalukhuni, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani; 22esithi, uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke. 23Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke. 24Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo. 25Kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile? 26Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele. 27Ndithi ke kuni, Inene, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo. 28Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza. 29Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela. 30Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, angooMoses noEliya, 31ababebonakala besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem. 32Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye. 33Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya, engayazi into ayithethayo. 34Kuthe ke esathetha kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho. 35Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. 36Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bagcina ke bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile. 37Kwathi ngengomso, bakubon’ ukuba bayehla entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu. 38Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; 39Uyabona, ubanjwe ngumoya, akhale ngesiquphe; isuke imkrazule, alenze amagwebu, kube nzima ukuba emke kuye. 40Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako. 41Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho. 42Akubon’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela uYesu umoya ongcolileyo, waphila umntwana, wambuyisela kuyise. 43Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo. Bakubon’ ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe. 44Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu. 45Kodwa bona babengaliqondi eli, lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngelo lizwi. 46Kwabakho ke ukubuzana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo omkhulu; 47Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye. 48Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela owandithumayo; kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu. 49Uphendule ke uYohane wathi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina. 50uYesu wathi kuye: “Musani ukumalela, kuba ongachasiyo ungecala lethu. 51Ke kaloku kwathi, lakufika ixesha lokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem. 52Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; baya ke, bangena kwidolophana yamaSamariya, ukuba bamlungiselele. 53Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem. 54Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo? 55Wathi guququ, wabakhalimela, wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na; 56kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi; 57Ke kaloku kwathi, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi. 58Wathi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendlwana; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko. 59Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. 60Wathi uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo. 61Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele ndiye kuqala, ndiye kubulisa abo basendlwini yam. 62Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.
Currently Selected:
uLuka uLuka 9: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.