uLuka uLuka 10
uLuka 10
1Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo abamashumi asixhenxe, yabathuma ngababini ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona. 2Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo. 3Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka. 4Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, yaye ningabulisi mntu endleleni. 5Endlwini enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu. 6Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni. 7Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma niye kwindlu ngendlu. 8Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu; 9Niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo. 10Emzini ke enithe nangena kuwo, baza àbanamkeli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi, 11Kwanothuli lomzi wenu oluncamileyo, siyaluvuthululela kuni; noko ke kwazini oko, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo. 12Ke ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi. 13Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini. 14Kodwa koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunani. 15Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. 16Lowo univayo uva mna; Lowo unigibayo, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba owandithumayo. 17Babuya ke abamashumi asixhenxe bevuya, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho. 18Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini. 19Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise. 20Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; yithini kanye ke kugcobani; ngokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini. 21Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana; ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo. 22Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba ungubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela. 23Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo. 24Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva. 25Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? 26Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ufunda njani? 27Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho njengoko uzithanda ngako. 28Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi. 29Ke yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam? 30Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa. 31Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela, wathi akumbona wacezela phaya. 32Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya. 33Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni lwakhe, wafika kuye; 34Waya kuye, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga. 35Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye, Uze umonge; nento othe wadleka kuyo, ndokubuyekeza ekubuyeni kwam. 36Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni? 37Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuyo, Hamba uye kwenjenjalo nawe. 38Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo. 39Yaye ke inodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, waliphulaphula ilizwi lakhe. 40uMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye ukuba andincede. 41Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi; 42Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.
Currently Selected:
uLuka uLuka 10: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.