YouVersion Logo
Search Icon

EkaJakobi EkaJakobi 2

EkaJakobi 2
1Bazalwana bam, musani ukukuphatha ngokukhetha buso bamntu, ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu. 2Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo, kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka; 3naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha wena kakuhle; ndithi kwihlwempu, Yima wena phaya, mhlawumbi uhlale phantsi phantsi kwesihlalo seenyawo zam; 4Anikhethi buso na phakathi kwenu, naba ngabagwebi bengcinga embi? 5Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo? 6Kodwa nina nibadelile abasweleyo. Izityebi azinishicileli na? Azinirholeli ematyaleni na? 7Azilinyelisi na igama elihle enabizwa ngalo? 8Ukuba niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile; 9Kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi. 10Kuba nabani na oya kuwugcina umthetho uphela, aze aphule umthetho omnye, unetyala layo yonke. 11Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho. 12Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko. 13Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; yaye inceba iyawuqhayisela umgwebo. 14Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako na ukumsindisa ukholo? 15Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, uhamba ze, eswele ukudla kwemihla ngemihla, 16Athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba; inceda ntoni na? 17Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo. 18Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam. 19Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele. 20Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile? 21uAbraham, ubawo wethu, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akumnikela uIsake, unyana wakhe, phezu kwesibingelelo? 22Uyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwenziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini? 23Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wakholwa ke uAbraham nguye uThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye, wabizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo. 24Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa. 25Ngokunjalo ke, noRahabhi, ihenyukazi, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akubamkela ngobubele abathunywa, abakhuphele phandle ngayimbi indlela? 26Kaloku, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo.

Currently Selected:

EkaJakobi EkaJakobi 2: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in