EkaJakobi EkaJakobi 1
EkaJakobi 1
1uYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa. 2Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa niwela kwizilingo ngezilingo; 3nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. 4Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto. 5Ukuba ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; kwaye uya kuyinikwa. 6Makacele ekholwa, engathandabuzi; Kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka. 7Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi. 8Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo. 9Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe; 10osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca. 11Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso. 12Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. 13Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; 14Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. 15Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa. 16Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda. 17Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika. 18Uthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe. 19Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; 20Kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo. 21Kungoko endithi, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. 22Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizikhohlisa. 23Kuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; 24kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na. 25Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe. 26Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto. 27Unqulo lona oluhlambulukileyo, olu ngadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni, yabo: kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.
Currently Selected:
EkaJakobi EkaJakobi 1: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.