YouVersion Logo
Search Icon

Amaculo 59

59
ICULO LIX.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, elokuti: Ungatshabalalisi. Imikitame ka‐Davide, okuya u‐Saule ebetuma abantu balinde indlu, ukuze bamfise.
1NDIHLANGULE ezintshabeni zam, Tixo wam! ndibeke pezulu kubo abandisukelayo. 2Ndihlangule kubo abenzi benkohlakalo; undisindise emadodeni egazi. 3Ngokuba, kangela, balalele umpefumlo wam; abanamandla babutelene ngakum; kungeko isigqito sam, kungeko nesono sam, Yehova! 4Bayagidima bazilungise kungeko tyala kum: vuka ukuza kundikaulela, ubone ke. 5Kwa wena, Yehova, Tixo wemikosi, Tixo wo‐Sirayeli! vuka ukuza kubohlwaya abaheyideni bonke; ungabi nalufefe kubo bonke abenzayo ngobuxoki kakulu. Sela.
6Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengenja, baṙaule isixeko. 7Kangela, bayapimisela ngomlomo wabo; kuko amaṙele emilonyeni yabo; ngokuba, batsho, ngubanina ovayo? 8Kodwa wena, Yehova! uya kubahleka; uya kudela abaheyideni bonke. 9Ngenxa yamandla ake ndiya kukangela kuwe; ngokuba utixo eyinyango yam. 10Utixo wobubele bam uya kundandulela; utixo uya kundikangelisa pezu kwabandihlolayo.
11Ungababulali, hleze abantu bam balibale: badungudelise ngamandla ako, ubahlisele pantsi, Nkosi, kaka letu! 12Ngenxa yesono somlomo wabo, namazwi emilomo yabo, mababanjwe ngoko er̔atshini labo, nangenxa yokutuka nokuxoka abakutetayo. 13Bagqibele ngengqumbo, bagqibele, ize bangabiko; mabazi ke ukuba kupatwa ngutixo kwa‐Yakobi, nakude kube sezincameni zomhlaba. Sela.
14Mababuye ngokuhlwa, mabavungame njengenja, baṙaule isixeko. 15Mababadule ngokufuna ukutya; ukuba abahluti, mabalalise njalo. 16Kodwa mna ndiya kuvuma ngawo amandla ako; ewe, ndiya kudumisa ububele bako ngovuyo kwa kusasa: ngokuba ubuyinyango nendawo yokupepela kum, ngemini yokubandezelwa kwam. 17Ndiya kuculela wena, mandla am! ngokuba utixo eyinyango yam, utixo wobubele bam.

Currently Selected:

Amaculo 59: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in