Amaculo 3
3
ICULO III.
Iculo lika‐Davide, akubaleka u‐Abasalome unyana wake.
1YEHOVA! asi nokuba bandile abazintshaba zam! baninzi abapakamayo ngakum. 2Baninzi abati ngompefumlo wam: Akuko ukusizwa kwake kutixo. Sela.
3Kodwa wena, Yehova! ulikaka kum; ububungcwalisa bam, nompakamisi wentloko yam. 4Ndabiza kuyehova ngelizwi lam; wandipendula ke entabeni yake eyingcwele. Sela. 5Ndalala pantsi, ndazuza ubutongo; ndavuka; ngokuba uyehova ebendisekele. 6Andiyi kwoyika amashumi amawaka abantu, abase belunga ngakum bendiṙaula.
7Pakama, Yehova! ndisindise, Tixo wam! ngokuba intshaba zam uzibetile zonke esidleleni; uwapule amazinyo abakohlakeleyo. 8Usindiso lolu kayehova. Ukutamsanqelisa kwako kupezu kwabantu bako. Sela.
Currently Selected:
Amaculo 3: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.