Amaculo 28
28
ICULO XXVIII.
Elika‐Davide.
1NDOBIZA kuwe, Yehova! olilityekazi lam; zungati cwaka kum; hleze nditi, wakuti cwaka kum, ndifane nabahlele esihogweni. 2Yiva ilizwi lezikungo zam, ndakulilela kuwe, nxa ndipakamisa izandla zam ngasendaweni yako eyingcwele yokupendula. 3Zungandikukulisi nabakohlakeleyo, nabenzi bokungendawo, abatetayo uxolo kubamelwane babo, kanti bububi obusezintliziyweni zabo. 4Banike njengokwemisebenzi yabo, nanjengokwobubi bezenzo zabo: banike njengokwokwenza kwezandla zabo; buyekeza kubo ngokubafaneleyo. 5Ngenxa yokuba bengagqali imisebenzi kayehova, nokwenza kwezandla zake, uya kubacita, akayi kubaka.
6Makabongwe uyehova; ngokuba evile ilizwi lezikungo zam. 7Uyehova ungamandla am, nekaka lam; intliziyo yam yatembela kuye, ndancedwa ke: iti ngoko intliziyo yam ivuye kakulu; ndandiya kumdumisa ngeculo lam. 8Uyehova ungamandla abo; uyinqaba yosindiso yomtanjiswa wake yena. 9Sindisa abantu bako, utamsanqelise ilifa lako; bapate, ubapakamise kude kube ngunapakade.
Currently Selected:
Amaculo 28: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.