Imizekeliso 14
14
1UMFAZI osukuba elumkile, uyaka indlu yake; kodwa lowo unyabileyo, uyayicita ngezandla zake.
2Ohambayo ngokulungisa kwake, uyamoyika uyehova; kodwa onokanda emikweni yake uyamdela.
3Emlonyeni wehilihili kuko uswazi lwer̔atshi; kodwa umlomo wabalumkileyo wobagcina.
4Nxa kungeko zinkabi, isibaya sizé; kodwa kuko ubuninzi benzuzo ngamandla enkabi.
5Inqi̔na elinyanisekileyo aliyi kuxoka; kodwa inqi̔na lobuxoki lopimisela ilwimi.
6Umgxeki uyafuna ubulumko, kanti abuko; kodwa ukwazi kulula konokuqonda.
7Suka ebusweni bomntu osidenge, ngokuba ungaboni kuye umlomo wokwazi.
8Ubulumko botelekelelayo, kukuqonda indlela yake; kodwa ubudenge bawo amahilihili, buyinkohliso.
9Idini letyala liyagculela amahilihili; kodwa pakati kwabalungileyo kuko ukubukwa.
10Intliziyo iyabazi obayo ubuṙaṙa; kanjalo owasemzini akangedibane novuyo lwayo.
11Indlu yabakohlakeleyo iya kucitwa; kodwa intente yabalungileyo yohluma.
12Kuko indlela engati ilungile emntwini, kanti ukupela kwayo kuzindlela zokufa.
13Kwa sekuhlekeni intliziyo inobuhlungu; nokupela kwalo uvuyo kulusizi.
14Ohlehlileyo ngentliziyo, wodikwa yeyake imikwa; kodwa umntu olungileyo ukude kuye.
15Isidenge siyakolwa ngamazwi onke; kodwa otelekelelayo wobonela ekuhambeni kwake.
16Ilumko liyoyika, lize lipambuke ebubini; kodwa ihilihili likukumele, lingenakukatala.
17Oqumba msinya uyenza ngobugeza; kanjalo umntu onamaqinga akohlakeleyo uyatiywa.
18Izidenge zidla ilifa lobugeza; kodwa abatelekelelayo baya kupahlwa ngokwazi.
19Abangalungileyo bayatoba pantsi ebusweni babalungileyo, nabakohlakeleyo ngasemasangweni abalungisayo.
20Ihlwempu liyatiywa kwa ngowalo ummelwane; kodwa isityebi abatandi baso baninzi.
21Omdelayo ummelwane wake, uyona; kodwa owenza ngofefe kumahlwempu, hai itamsanqa lake!
22Abaposisi na abaqingayo okubi? kodwa banobubele nenyaniso abo baqinga okulungileyo.
23Kuko ukwanda ngako konke ukusebenza; kodwa ukuteta kwomlomo kubang’ ukuswela kupela.
24Ikrone yabalumkileyo ibubutyebi babo; ubudenge bamahilihili bubudenge.
25Inqi̔na lenyaniso liyasindisa imipefumlo; kodwa elenkohliso liyapimisela ilwimi.
26Ngokwoyika uyehova kuko itemba elinamandla; nakulo usapo lwake kwobako indawo yokupepela.
27Ukwoyikwa kwake uyehova kungumtombo wobomi, ukuba kumkiwe emigibeni yokufa.
28Ubungcwalisa bokumkani bungobuninzi babantu; kodwa intshabalalo yenkosi ingokuswela abantu.
29Oqumba kade unokuqonda okukulu; kodwa oqumba msinya uyapakamisa ubugeza.
30Intliziyo elulamileyo ibubomi benyama; kodwa umona ukukubola kwamatambo.
31Obandezelayo ihlwempu, uyamtuka umenzi walo; kodwa uyambeka, owenza ngofefe kosweleyo.
32Okohlakeleyo uyagxotwa esekukohlakaleni kwake; kodwa olungileyo unetemba ekufeni kwake.
33Ubulumko buyapumla entliziyweni yonokuqonda; kodwa okupakati kwazo izidenge kuya kwaziwa.
34Ubulungisa buyapakamisa isizwe; kodwa isono silihlazo labantu bonke.
35Imbuko yokumkani ingasesicakeni esilumkileyo; kodwa ubuṙalaṙume bake boba ngakuso esihlazisayo.
Currently Selected:
Imizekeliso 14: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.