YouVersion Logo
Search Icon

Imizekeliso 12

12
1OTANDA imfundiso, uyatanda ukwazi; kodwa otiyayo ukwohlwayiwa, ungodolileyo.
2Olungileyo wozuza imbuko kuyehova; kodwa umntu wamaqinga akohlakeleyo, uya kumgweba.
3Umntu akayi kuqiniswa ngenkohlakalo; kodwa ingcambo yabalungileyo ayisayi kushukunyiswa.
4Umfazi otembekileyo uyikrone yendoda yake; kodwa lowo uhlazisayo, unjengokubola ematanjeni ayo.
5Izicingo zabalungileyo zifanele: amaqinga abakohlakeleyo ayinkohliso.
6Amazwi abakohlakeleyo ngawokuba kulalelwe igazi; kodwa umlomo wabalungisayo wobahlangula.
7Abakohlakeleyo bayapenulwa, bangabi seko; kodwa indlu yabalungileyo iya kuma.
8Umntu wodunyiswa njengobutelekelelo bake; kodwa ontliziyo igwenxa woba nokudelwa.
9Odelekileyo, enesicaka, ugqitisele ozincomayo, eswele ukutya.
10Olungileyo uyanyamekela ubomi benkomo yake; kodwa inceba zabakohlakeleyo zibunqola.
11Olimayo umhlaba wake, wokoliswa sisonka; kodwa olandela abantu abangendawo, uswele ingqondo.
12Okohlakeleyo uyanqwenela utambo lwabangalungileyo; kodwa ingcambo yabalungileyo yohlanza.
13Umgibe wongalungileyo usekugqiteni kwomlomo: kodwa olungileyo uya kupuma ebunzimeni.
14Ngesixakato somlomo womntu, uya kukoliswa ngokulungileyo; kanjalo umvuzo wezandla zomntu wobuyiselwa kuye.
15Indlela yehilihili ifanelekile kwawalo amehlo; kodwa opulapulayo icebo ulumkile.
16Ihilihili ukuqumba kwalo kuhla kwaziwe; kodwa otelekelelayo uyagubungela ihlazo.
17Oteta inyaniso uyaxela ubulungisa; kodwa inqi̔na lobuxokiliyaxela inkohliso.
18Kuko obobayo njengokuhlaba kwesiṙele; kodwa ulwimi lwabalumkileyo luyimpiliso.
19Umlomo wenyaniso uya kuqiniswa kude kube ngunapakade; kodwa ulwimi lwobuxoki, kude kupanyazwe kupela.
20Inkohliso isentliziyweni yabaqingayo ububi; kodwa abacebi boxolo banovuyo.
21Olungileyo akuyi kumhlela nanye ingozi; kodwa abakohlakeleyo bozaliswa bububi.
22Umlomo wobuxoki uyintshontsho kuyehova; kodwa abenza ngenyaniso bayimvuyiso kuye.
23Umntu otelekelelayo uyafihla ukwazi; kodwa intliziyo yamahilihili iyashumayela ubudenge.
24Isandla sabakuteleyo sopata ngobukosi: kodwa inqeneṙa liya kukonza.
25Isitukutezi entliziyweni yomntu siyayitobisa; kodwa ilizwi elimnandi liyayivuyisa.
26Olungileyo uyamalatisa ummelwane wake; kodwa indlela yabakohlakeleyo iyabalahlekisa.
27Inqeneṙa ayiyoji into ezingelweyo nguye; kodwa okuteleyo yimfuyo yomntu enqabileyo.
28Kuko ubomi emendweni wobulungisa: nasendleleni yabo egqushekileyo akuko kufa.

Currently Selected:

Imizekeliso 12: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in