YouVersion Logo
Search Icon

U‐Nehemiya 13

13
1NGEXESHA elo kwaleseshwa encwadini ka‐Mosesi ezindlebeni zabantu: kwaza kwafunyanwa kuba̔liwe kuyo, okokuba um‐Hamoni, umhlaumbi um‐Mowabi, akayi kungena emhlambini katixo kude kube ngunapakade; 2ngenxa yokuba bebengezi nesonka namanzi ukukaulela usapo luka‐Sirayeli, nokuba bebemqesha ngakulo u‐Bilame, aze aluqalekise: kodwa utixo wetu waguqula isiqalekiso sibe litamsanqa. 3Kwaza kwati, nxa bebevile umteto, babahlula bonke abantu abadityanisiweyo ko‐Sirayeli.
4Kekaloku kungekabiko oku, u‐Eliyashibe umperisite, obemisiwe pezu kwenkambili yendlu katixo wetu, waba ngumhlobo ku‐Tobiya, 5wamenzela inkambili enkulu, apo bekufuda kubekelwa kona iminikelo yokudla, nentlakamhlope, nempahla, nezishumi zenqolowa, nezeveyine entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe aba‐Levi, nabaculi, nabalindimnyango; neminikelo yabaperisite. 6Kodwa ngalo lonke elixesha, ndibe ndingeko e‐Yerusaleme: ngokuba ngomnyaka wamashumi matatu anesibini ka‐Aretashasheta ukumkani we‐Babilone, bendizile kukumkani; nasekupeleni kwemihla etile ndacela kukumkani ukuba ndibuye. 7Ndada ndafika e‐Yerusaleme, ndaqonda ngenkohlakalo ayenzileyo u‐Eliyashibe ngenxa yake u‐Tobiya, ngokumenzela inkambili emabaleni endlu katixo. 8Kwaza kwakubi kum kakulu: ngako ndakupa zonke impahla zendlu zika‐Tobiya ngapandle enkambilini. 9Ndaxela ke, bazicokisa inkambili: ndaza ndabuyisela kona impahla zendlu katixo, kunye nomnikelo wokudla, nentlakamhlope.
10Kanjako ndabona ukuba bekunganikwanga izabelwa zaba‐Levi: ngokuba aba‐Levi nabaculi, abawenza umsebenzi, bebesabele abanye ngabanye emasimini abo. 11Ndasuka ndapika namagosa, ndati: Yinina ukuba indlu katixo ishiyiwe? Ndaza ndabahlanganisa, ndabamisa endaweni yokuma yabo. 12Bandula o‐Juda bonke bazisa isishumi senqolowa, neseveyine entsha, neseoli, ezindaweni zendyebo. 13Ndaza ndenza abapati pezu kwendawo zendyebo, u‐Shelemiya umperisite, no‐Tsadoki umba̔li, no‐Pedaya kubo aba‐Levi; nasemva kwabo u‐Hanane, unyana ka‐Zakure, unyana ka‐Mataniya: ngokuba bebebalwa ngokuba nenyaniso, ekwaye kupezu kwabo ukwabela abazalwana babo.
14Ndikumbule, Tixo wam! ngako oku, uz’ ungacimi izenzo zam ezilungileyo endizenzeleyo indlu katixo wam, nezigcinelo zayo.
15Ngalomihla ndabona kwa‐Juda abaxovulayo isincinezelo seveyine ngesabata, nabangenisayo izitungu, nabatwesayo amaqwaṙashe; kwa neveyine, nedreyive, namakiwane, nemitwalo yonke, abati bayizisa e‐Yerusaleme ngomhla wesabata: ndaza ndanqi̔na ngakubo ngomhla batengisa ukutya ngawo. 16Kwahlala kona nabase‐Tire, abazisa intlanzi, nento zonke zokutengwa, batengisa elusatsheni luka‐Juda, nase‐Yerusaleme, ngesabata. 17Ndaza ndapika nemiduna yakwa‐Juda, ndati kuyo: Yinto nina lento ikohlakeleyo niyenzayo, ninco̔lisa nje umhla wesabata? 18Abenje njalo na oyihlo benu, waza utixo wabuzisa pezu kwetu bonke obububi, napezu kwesisixeko? nani ke niyawandisa umsindo pezu kwo‐Sirayeli ngokunco̔lisa isabata.
19Kwaza kwati, nxa amasango e‐Yerusaleme atelwa ncwalazi ingekafiki icawa, ndaxela ke, kwavalwa ingcango; ndabuya ndaxela ukuba mazingavulwa kude kupele isabata; nakwizicaka zam ndamisa inxenye ngasemasangweni, ukuze kungangeniswa namnye umtwalo ngomhla wesabata. 20Bandula abatengi nabatengisi bezinto zonke zokutengwa balalisa ngapandle kwe‐Yerusaleme, kwakanye umhlaumbi kabini. 21Ngako ndanqi̔na ngakubo, ndati kubo: Yinina ukuba nilalise pambi kwodonga? nxa nipinda ukwenje njalo, ndobeka izandla pezu kwenu. Kuselokwexesha elo bebengezi ngesabata.
22Ndaza ndaxelela aba‐Levi ukuba bazicokise, beze bagcine amasango, kuze kwenziwe ngcwele umhla wesabata.
Ndikumbulele oku nako, Tixo wam! ube nenceba kum ngabo ubuninzi bobubele bako.
23Kanjako ngalomihla ndabona ama‐Juda abezekile abafazi abangama‐Ashedodekazi, naba‐Hamonikazi, nama‐Mowabikazi: 24bati abantwana bawo inxenye bateta ngesi‐Ashedode, bengenakwazi ukuteta ngesi‐Juda; bateta ngenteto yabantu ngabantu. 25Ndaza ndapika nawo, ndawatuka, ndabeta amadoda atile kuwo, ndancotula inwele zawo, ndawafungisa utixo, ngokuti: Intombi zenu aniyi kuzendisa konyana babo, nentombi zabo aniyi kuzitabatela onyana benu, aniyi kuzizeka nani. 26Bekungengezizinto na wonayo u‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli? noko pakati kwezizwe ezininzi akwabiko ukumkani njengaye, owatandwa ngutixo wake, wada utixo wammisa ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: kwa yena lowo abafazi bezinye intlanga bamenza one. 27Sesiya kupulapula kuni ke na, ukwenza konke okukukohlakala okukulu, senze ngobumenemene ngakuye utixo wetu ngokuzeka abafazi bezinye intlanga?
28Kekaloku omnye konyana baka‐Yoyada, unyana ka‐Eliyashibe umperisite omkulu, ebengumyeni ku‐Sanebalati um‐Horonayime: ngako ndamgxota kum. 29Kumbula ngabo, Tixo wam! ngenxa yokuba benco̔lisile ubuperisite, nocebano lwobuperisite, nolwaba‐Levi.
30Kwa njalo ndabacokisa kubo bonke abezinye intlanga, ndamisa ukulinda kwabaperisite nokwaba‐Levi, abanye ngabanye emsebenzini wabo, 31nokunikelwa kwenkuni ngamaxesha amiselweyo, nokwelibo.
Ndikumbule, Tixo wam! kube kokulungileyo.

Currently Selected:

U‐Nehemiya 13: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in