YouVersion Logo
Search Icon

U‐Nehemiya 12

12
1ABA ngabaperisite naba‐Levi abanyukayo kunye no‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa: u‐Seraya, u‐Jeremiya, u‐Ezera, 2u‐Amariya, u‐Maluke, u‐Hatushe, 3u‐Shekaniya, u‐Rehumi, u‐Meremote, 4u‐Hido, u‐Ginetoi, u‐Abiya, 5u‐Miyamine, u‐Mahadiya, u‐Bilega, 6u‐Shemaya, no‐Yoyaribe, u‐Yedaya, 7u‐Salu, u‐Hamoke, u‐Hilikiya, no‐Yedaya. Aba bebezintloko zabaperisite, nabazalwana babo, emihleni ka‐Yoshuwa.
8Naba‐Levi: u‐Yoshuwa, u‐Binuwi, u‐Kadimele, u‐Sherebiya, u‐Juda, no‐Mataniya: ebepezu kwemibulelo, yena nabazalwana bake. 9Kanjalo u‐Bakebukiya no‐Huni, abazalwana babo, bebelunge nabo ekulindeni. 10Kekaloku u‐Yoshuwa wazala u‐Yoyakime, no‐Yoyakime wazala u‐Eliyashibe, no‐Eliyashibe wazala u‐Yoyada, 11no‐Yoyada wazala u‐Jonatane, no‐Jonatane wazala u‐Yaduwa.
12Nasemihleni ka‐Yoyakime bebeko abaperisite, intloko zendlu zoyise: oka‐Seraya, ngu‐Meraya; oka‐Jeremiya, ngu‐Hananiya; 13oka‐Ezera, ngu‐Meshulame; oka‐Amariya, ngu‐Jehohanane; 14oka‐Meliku, ngu‐Jonatane; oka‐Shebaniya, ngu‐Josefe; 15oka‐Harime, ngu‐Hadena; oka‐Merayoti, ngu‐Helekai; 16oka‐Hido, ngu‐Zekariya; oka‐Ginetoni, ngu‐Meshulame; 17oka‐Abiya, ngu‐Zikeri; oka‐Minyamine, oka‐Mohadiya, ngu‐Piletai; 18oka‐Bilega, ngu‐Shamuha; oka‐Shemaya, ngu‐Jonatane; 19noka‐Yoyaribe, ngu‐Matenai; oka‐Yedaya, ngu‐Huzi; 20oka‐Salai, ngu‐Kalai; oka‐Hamoke, ngu‐Hebere; 21oka‐Hilikiya, ngu‐Hashabiya; oka‐Yedaya, ngu‐Netaneli.
22Aba‐Levi emihleni ka‐Eliyashibe, no‐Yoyada, no‐Johanane, no‐Yaduwa, baba̔lwa ngokuba zintloko zendlu zoyise; kwa nabaperisite, kwada kwako ubukumkani buka‐Dariyusi um‐Peresiya. 23Onyana baka‐Levi, intloko zendlu zoyise, bebeba̔lelwa encwadini yezikronike, kwada kwasemihleni ka‐Johanane unyana ka‐Eliyashibe. 24Nentloko zaba‐Levi, u‐Hashabiya, u‐Sherebiya, no‐Yoshuwa unyana ka‐Kadimele, nabazalwana babo malungana nabo, badumisa babulela, ngomyalelo ka‐Davide indoda katixo, uluhlu malungana noluhlu. 25U‐Mataniya, no‐Bakebukiya, u‐Hobadiya, u‐Meshulame, u‐Talimone, no‐Hakube, bebengabalindimnyango begcina isigcino ezinkambilini zokubekela zamasango. 26Aba bebeko emihleni ka‐Yoyakime, unyana ka‐Yoshuwa, unyana ka‐Yotsadaki, nasemihleni ka‐Nehemiya inkosi, no‐Ezera umperisite, umba̔li.
27KEKALOKU ekutwasisweni kwodonga lwe‐Yerusaleme, kwafunwa aba‐Levi, kuzo zonke indawo zabo, ukuba baziswe e‐Yerusaleme, kuze kwenziwe ukutwasiswa ngokugcoba, nangokubulela, nangokuvuma, ngesimbali, nangamaculo, nangehadi. 28Kwahlanganiswa nonyana babaculi, kwa nasezweni elibutafa elingqongayo i‐Yerusaleme, nasemizini yama‐Netofati, 29nase‐Bete‐gilegale, nasezindleni zase‐Geba ne‐Hazamaveti: ngokuba abaculi bebezakele imizi ngokungqonga i‐Yerusaleme. 30Bati abaperisite naba‐Levi bazicokisa; bandula bacokisa abantu, namasango, nodonga.
31Ndaza ndenyusa inkosi zakwa‐Juda pezu kwodonga, ndamisa amaqela mabini amakulu abayenza imibulelo nabahamba ngokuqoqoza, elati elinye laya ngasekunene pezu kwodonga ngasesangweni lenkunkuma: 32nasemva kwabo kwahamba u‐Hoshaya, nesinye isiqingata senkosi zakwa‐Juda, 33no‐Hazariya, u‐Ezera, no‐Meshulame, 34u‐Juda, no‐Benjamine, no‐Shemaya, no‐Jeremiya; 35nakubo onyana babaperisite benamaxilongo: u‐Zekariya, unyana ka‐Jonatane, unyana ka‐Shemaya, unyana ka‐Mataniya, unyana ka‐Mikaya, unyana ka‐Zakure, unyana ka‐Safa; 36nabazalwana bake, u‐Shemaya, u‐Hazareli, u‐Milalai, u‐Gilalai, u‐Mahai, u‐Netaneli, no‐Juda, no‐Hanani, benezinto zokuculisa zika‐Davide indoda katixo, u‐Ezera umba̔li epambi kwabo. 37Nangasesangweni lomtombo, namalungana nabo, benyuka ngezinyukelo zesixeko sika‐Davide, apo kunyukayo ukuya eludongeni, ngasentla kwendlu ka‐Davide, baya esangweni lamanzi ngasempumalanga.
38Nelesibini iqela labayenza imibulelo, elahamba malungana nelinye, kwahamba mna emva kwalo, nesinye isiqingata sabantu, pezu kwodonga, kwa sentla kwenqaba yamaziko kwada kwaseludongeni olubanzi; 39nasentla kwesango lika‐Frayime, nasentla kwesango elidala, nasentla kwesango lentlanzi, nenqaba ye‐Hananele, nenqaba ye‐Meha, kwada kwalisango legusha: bada bema esangweni lentolongo.
40Aza ema amaqela omabini abayenza imibulelo endlwini katixo, nam, nesinye isiqingata samagosa kunye nam; 41nabaperisite, u‐Eliyakime, u‐Mahaseya, u‐Minyamine, u‐Mikaya, u‐Eliwenai, u‐Zekariya, no‐Hananiya, benamaxilongo; 42no‐Mahaseya, no‐Shemaya, no‐Elezari, no‐Huzi, no‐Jehohanane, no‐Malekiya, no‐Helami, no‐Hezere. Baye abaculi bevakalisa, no‐Yizeraya umongama. 43Kanjalo ngalomini babinga imibingo emikulu, bagcoba; ngokuba utixo ebebagcobisile ngomgcobo omkulu: abafazi nabantwana bagcoba nabo: kwaza kwavakala umgcobo we‐Yerusaleme kwada kwakude.
44KWAYE kupatiswa ngeloxesha abatile pezu kwenkambili, ezendyebo, ezeminikelo, ezelibo, nezezishumi, kuze kuqokelelwe kuzo okwamasimi asezixekweni, izabelwa ezimiselwe abaperisite naba‐Levi ngumteto: ngokuba o‐Juda bebevuya pezu kwabaperisite napezu kwaba‐Levi abakonzayo. 45Bati nabaculi nabalindimnyango bagcina isigcinelo sotixo wabo, nesigcinelo sokucokisa, njengomyalelo ka‐Davide, noka‐Solomone unyana wake: 46ngokuba emihleni ka‐Davide no Safa, kwa kudala, bekuko intloko zabaculi, nengoma zendumiso nemibulelo kutixo. 47No‐Sirayeli bonke, emihleni ka‐Zerubabeli, nasemihleni ka‐Nehemiya, banika izabelwa zabaculi nabalindimnyango, into yemini ngemini yayo: kanjako bangcwalisela aba‐Levi, naba‐Levi bangcwalisela usapo luka‐Arone.

Currently Selected:

U‐Nehemiya 12: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in