YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Maraki 5

5
1Baza bafika ecaleni elingapesheya kwolwandle, ezweni lama‐Gadara. 2Wati akupuma enqanaweni, kwandula ukumkaulela evela emancw̔abeni umntu enomoya onco̔lileyo, 3obenentlalo yake emancw̔abeni; kwaye kungeko mntu obenako ukumkonxa nangemixokelelwane; 4ngokuba ebekonxiwe futi ngamakamandela nangemixokelelwane, yasuka yaqaulwa nguye imixokelelwane, aqekezwa namakamandela, kwaza akwabiko mntu obenamandla okumoyisa. 5Waye ngamaxesha onke, ebusuku nasemini, esezintabeni nasemancw̔abeni, edanduluka, ezityoba ngamatye. 6Wati kekaloku akubona u‐Yesu ekude, wagidima waya wambedesha, 7wadanduluka ngelizwi elikulu, wati: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo opezu konke? ndikufungisa utixo, zungandimbeli! 8Ngokuba ebesiti kuye: Puma emntwini, wena moya onco̔lileyo! 9Wabembuza kanjalo, esiti: Ngubanina igama lako? Wapendula ke esiti: Ngu‐Bandlalikulu igama lam; ngokuba sibaninzi. 10Waza wambongoza kakulu, aze angabandululi kwelozwe. 11Kwabekuko apo ngasezintabeni umhlambi omkulu wehangu usidla. 12Zaza zambongoza zonke idemoni, zisiti: Situme siye ezihangwini, ukuze singene kuzo. 13Waselezivumela ke u‐Yesu. Baza bapuma omoya abanco̔lileyo bangena ezihangwini; kekaloku umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, (ngati ke bezingamawaka mabini,) zamiwa elwandle. 14Baza abo ababesalusa ihangu babaleka, bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona ukuba yinto nina eyenzekileyo. 15Baye besiza ku‐Yesu, babona lowo obengenelwa zidemoni, ehleli pantsi, evatile, enokuqonda kwake, lowo obenalo ibandla elikulu; basuka boyika. 16Baza abo babebonile bababalisela ukuba kwatiwa nina kobengenelwa zidemoni, nokwehangu. 17Baza baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.
18Wati kekaloku akungena enqanaweni, lowo ubengenelwe zidemoni wambongoza ukuba makabe naye. 19Kodwa u‐Yesu akamvumela, koko wati kuye: Hamba uye endlwini yako, kwabakowenu, ubashumayeze izinto ezingakanana inkosi ikwenzele zona; nokuba ibinetaṙu kuwe. 20Waza wemka waqala ukushumayela e‐Dekapolisi izinto ezingakanana abemenzele zona u‐Yesu: bati nqa ke bonke.
21KEKALOKU akuti u‐Yesu wabuya wawela ngenqanawa waya ecaleni elingapesheya, sabutela kuye isihlwele esikulu: wayengaselwandle ke.
22Kwaza, bona ke, kwafika omnye wabapati bendlu yentlanganiso, ogama lalingu‐Yahire, owati akumbona, wawa ngasezinyaweni zake, 23wambongoza kakulu, esiti: Intombazana yam ipants’ ukufa; Nditandaza ukuba uze ubeke izandla zako pezu kwayo, ukuze ipiliswe, yaiya kupila. 24Wasuka waya naye; saza samlandela isihlwele esikulu, samxinezela.
25Kekaloku umfazi otile obenegqita legazi iminyaka yalishumi linamibini, 26obevile nezinto ezininzi ngamagqir̔a, waci̔ta konke abenako, engancedwanga luto noko, kodwa waba mandundu ngakumbi; 27wati akuva ngaye u‐Yesu, weza pakati kwesihlwele ngasemva, wayicu̔kumisa ingubo yake: 28ngokuba ebesiti: Ukuba ndika ndicu̔kumise ingubo zake zodwa, ndiya kupiliswa. 29Wasuka watsha kwa oko umtombo wegazi lake, wazazela ngomzimba wake ukuba upilisiwe kwesosibulawa. 30Waselesiti u‐Yesu, enakene pakati kwake ukuba amandla apumile kuye, wajikela ngasesihlweleni, wati: Ngubanina owacu̔kumisa ingubo zam? 31Baza abadisipile bake bati kuye: Ubona isihlwele sikuxinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo? 32Waza wasingasinga ukuba abone lowo uyenzileyo lento. 33Wati kekaloku umfazi lowo enokwoyika nokungcangcazela, ekwazi nje oko kwenzekileyo kuye, weza wawa pantsi pambi kwake, wamxelela yonke inyaniso. 34Wayesiti kuye: Ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo, ube upilile kwesosibulawa sako.
35Nxa abesateta, kwafika abakokwabo umpati wendlu yentlanganiso, besiti: Intombi yako ifile; yinina ukuba usamkataza umfundisi? 36Kuloko u‐Yesu, elivile nje elozwi libe litetwa, waselesiti kumpati wendlu yentlanganiso: Ungoyiki; kolwa kodwa. 37Akavumela mntu ukuba ampeleke, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi. 38Waza wafika endlwini yompati wentlanganiso, wabona isipitipiti, nabo ababelila nababesenza isijwili esikulu. 39Wayengena wati kubo: Yinina lento ningxola nilila nokulila? umntwana akafile, ulele butongo. 40Basuka bamhleka. Kuloko wati, akuba ebaku̔pile bonke, watabata naye uyise womntwana, nonina, nabo abebenaye, wangena apo alele kona umntwana. 41Waza wabamba isandla somntwana, wati kuye: Talita, kumi! okukuti ngokukunyushwa: Ntombazana, nditi kuwe, vuka! 42Yaselisuka ke intombazana leyo, yahamba; ngokuba ibilishumi elinesibini iminyaka yayo. Bamangaliswa ke ngokumangaliswa okukulu. 43Waza wabayala kakulu, ukuba makungaziwa mntu oku; wati kanjalo waxela ukaba inikwe ukudla.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in