YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Maraki 4

4
1KEKALOKU wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle: saza sabutela kuye isihlwele esikulu, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi elulwandleni; saye sonke isihlwele sibe sisemhlabeni ngaselwandle. 2Waza wabafundisa into ezininzi ngemizekeliso, wati kubo ekufundiseni kwake:
3Pulapulani! Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; 4kwaza kwati ekuhlwayeleni kwake, inxenye yembewu yawa ngasendleleni, zati intaka zezulu zeza zayidla. 5Yawa nenye endaweni ebulwalwa, apo ibingenawo umhlaba omninzi; yaza yaselipuma kamsinya, ngokuba ingenabo ubunzulu bomhlaba: 6yati nxa ilanga belipumile, yatshiswa; nangokuba ingenangcambo, yabuna. 7Yawa nenye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yayitshwencisa, ayanika siqa̔mo ke. 8Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yaza yanika isiqa̔mo esasihluma samila nokumila, yavelisa inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu. 9Wayesiti kubo: Onendlebe zokuva, makeve.
10Kekaloku xeshekweni ebeyedwa, bambuza abo babempahla ndawonye nabalishumi linababini umzekeliso lowo. 11Wayesiti kubo: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo yobukumkani bukatixo: kodwa abo bangapandle, benzelwa zonke ezizinto ngemizekeliso; 12ukuze bati bebona nje babone, bangaqiqi; bati kanjalo besiva nje beve, bangaqondi; hleze baguquke, baze baxolelwe izono zabo.
13Waza wati kubo: Aniwazi na umzekeliso lo? seniya kuti nina ke ukuyiqonda yonke imizekeliso?
14Umhlwayeli uyahlwayela ilizwi. 15Aba ke bangabo bangasendleleni, apo ilizwi lihlwayelwa kona; kanti xeshekweni bavileyo, kwandul’ ukuza u‐Satane asuse ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. 16Naba kwa njalo bangabo bahlwayelwayo endaweni ebulwalwa; abati xeshekweni balivileyo ilizwi, basuke balamkele ngovuyo; 17kanti abanangcambo pakati kwabo, koko besenza umzuzu kodwa; kwandule kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, basuke baxakaniswe. 18Naba bangabo bahlwayelwayo endaweni yemitolo; aba bangabo abati ilizwi balive; 19kanti izitukutezi zelilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, nenkanuko ngezinye izinto, zingena nje, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. 20Naba bangabo bahlwayelweyo emhlabeni olungileyo; abati ilizwi balive, balamkele, baxakate izixakato, inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu.
21Wayesiti kubo: Sika siziswe isibane na, ukuze sibekwe pantsi kwento yokulinganisa umhlaumbi pantsi kwoku̔ko? asiziswa na ukuze sibekwe pezu kwekandelare? 22Ngokuba kungeko nto efihlakeleyo, engayi kubonakaliswa; kanjako bekungafihlwa nto, kupela ukuba ize ekuhleni. 23Ukuba kuko onendlebe zokuva, makeve.
24Wayesiti kubo: Kulumkeni oko nikuvayo. Ukulinganisa enilinganisa ngako, kwolinganiselwa nina; kwakuya kuti kuni nivayo kwalekelwe ngakumbi. 25Ngokuba osukuba enako, kuya kupiwa yena; kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako.
26Wayesiti: Bunjalo ubukumkani bukatixo, njengokungati umntu waposa imbewu emhlabeni, 27waza walala wavuka ubusuku nemini, yati imbewu yantsula yakula ngendawo angayaziyo. 28Ngokuba umhlaba uvelisa isiqa̔mo ngokwawo; sibe sisitombo ukuqala, kwandul’ ukuba sisikwebu, iti kamva ibe yinqolowa ezalisekileyo esikwebini. 29Kodwa uti, xeshekweni sibonxile isiqa̔mo, asuke afake iṙenqa, ngokuba selifikile ixesha lokuvuna.
30Wayesiti: Sobufanisa nanto nina ubukumkani bukatixo? umhlaumbi sobuzekelisa ngomzekeliso omnina? 31Bunjengokozo lwembewu yemositade, oluti, xeshekweni luhlwayelweyo emhlabeni lube luncinane kuzo zonke imbewu ezisemhlabeni: 32kanti xeshekweni luhlwayelweyo luyahluma, luze lube lukulu kuyo yonke imifuno, lwenze namasebe amakulu, zide ziti intaka zezulu zibe nako ukuba zingahlala ngapantsi kwomtunzi walo.
33Wabeteta ilizwi kubo nangemizekeliso enjalo emininzi, njengokuba bebenako ukuliva. 34Wabengateti ke kubo kungeko umzekeliso: kodwa wabetyila zonke izinto kubadisipile bake ngasese.
35KEKALOKU kwa ngalomini, kwakuba kuhlwile, wati kubo: Masiwele siye ecaleni elingapesheya. 36Baza bati bakuba besindulule isihlwele, bamtabata nabo njengokuba ebenjalo enqanaweni. Kwaye kuko naye nezinye inqanawa ezincinane. 37Lwaza lwesuka uqwitela lwomoya olukulu, ati amaza abeta angena enqanaweni, yada yona yafun’ ukuzaliswa ngamanzi. 38Waye yena ebesendaweni yasemva, elele pezu kwomqamelo: basuka bamvusa, bati kuye: Mfundisi! akukatali na kukuba sibuba? 39Waza wavuka wakalimela umoya, wati kulwandle: Tutu, yiti cwaka! Wadamba ke umoya, kwaza kwabako ukuzola okukulu. 40Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala obungakanana? kunganina lento ningenalo ukolo? 41Boyika ke ngokwoyika okululu, bati omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eviwa nje nangumoya nalulwandle?

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in