YouVersion Logo
Search Icon

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 6

6
1MABATI abo basukuba bengamakonza ngapantsi kweyokwe babalele abazo inkosi ukuba zifanele imbeko yonke, ukuze kungagxekwa igama likatixo nofundiso lwake. 2Kanjako abo banazo inkosi ezikolwayo, mabangazideli, kuba zingabazalwana; koko mabati ngakumbi bazikonze, kuba bengamakolwa nabatandwa abo balwamkelayo uncedo lwesenzelelo sabo. Uti ezizinto uzifundise uziyale.
3Ukuba kuko umntu ongumfundisi wofundiso olulumbi, oti kanjako angavumeli amazwi anobomi, a wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, nofundiso oluyelelana nobubedesho, 4ukukumele lir̔atshi, engazi luto kakulu noko, koko egeza ngemibuzo nezipikisano ngamazwi, okuvela kuzo umona, ipike, ingxeko, iziṙano ezikohlakeleyo, 5ingxolisano ezigwenxa zabantu abaluvo lwonakeleyo, abalahlekene nenyaniso kanjalo, beba ububedesho buyinzuzo. Gwegweda kubo abanjalo.
6Kodwa ububedesho ndawonye nokutomalala buyinzuzo enkulu. 7Ngokuba singangenanga nanto elizweni; kusekuhleni ukuba kanjako asingepume nanto. 8Kodwa sakuba sinezinto zokutya nezokwambata, masitomalale zizo ezi. 9Kodwa abo banga bangaba zizityebi bayeyela ekulingweni, nasemgibeni, nasezinkanukweni ezininzi ezibudenge ezenzakalisayo, eziti ke zona zibantywilise abantu embujisweni nasentshabalalweni. 10Ngokuba ukutanda imali kuyingcambo yabo bonke ububi; abate inxenye beyinqwenela balahleka kulo ukolo, bazibadluza ngentsizi ezininzi.
11Wena kodwa, ndoda katixo! baleka ezizinto; uze uputume ubulungisa, ububedesho, ukolo, utando, umonde, ululamo. 12Yilwa ukulwa okulungileyo kwokolo; bubambe ubomi obungunapakade, owabubizelwa kubo kanjalo, wayivuma imvumo elungileyo pambi kwamanqi̔na amaninzi. 13Ndiyakuyala ebusweni bukatixo ozipilisayo izinto zonke, nasebusweni buka‐Kristu Yesu, owayinqi̔nayo pambi kwo‐Pontiyusi Pilati imvumo elungileyo, 14ukuba uwugcine umyalelo ube ungenabala, ungenakukalazelwa, kude kubeko ukubonakala kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu; 15aya kubonakalisa kona kwawake amaxesha, lowo ungosikelelweyo nongokupela kwosomandla, onguye ukumkani kakumkani nenkosi kankosi; 16ongokupela kwonokungafi, ehleli ekukanyeni okungenakusondelwa, ekungeko namnye umntu owambonayo, ekungeko ongambonayo kanjako: okuye makubeko udumo namandla angunapakade. Amene.
17Abazityebi kwelilizwe lakaloku nje bayalele ukuba bangaqanqalazi, bangatembi ebutyebini obungenakuqina kanjako, bati batembe kutixo ohleliyo, osinikayo ngobuninzi zonke izinto kudliwe ukuyola ngazo; 18ukuba benze ngobubele, batyebe emisebenzini elungileyo, banxamele ukwahlulahlula, batande ukwabela; 19beziqwebela umsekelo olungileyo bekangela ixesha elizayo, ukuze babambe ubomi obungunapakade.
20Wa Timote! gcina oko kubekelweyo kuwe, ukupepa nje ukubadaza okungengcwele nokuca̔sa kwokwazi okubizwa njalo ngobuxoki; 21abate inxenye bexela ukuba banako baposisa ngalo ukolo. Ufefe malube nawe. Amene.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in