YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 19

19
UYesu noZakeyi
1UYesu wangena eJeriko, egqitha khona. 2Ke kaloku kwakukho ndoda ibizwa ngokuba nguZakeyi, eyayiyintloko yabaqokeleli-rhafu, isisityebi. 3Yayifuna ukubona uYesu, kodwa ngenxa yokusithwa yindimbane ayaba nako, kuba yayimfutshane ngesithomo. 4Yabaleka ke, yaya ngaphambili, yakhwela emthini womthombe ukuze imbone, kuba wayeza kudlula apho. 5Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wathi kuyo: “Zakeyi, khawuleza uhle, kuba namhlanje ndimelwe kukuba lundwendwe lwakho.”
6Wakhawuleza ke wehla uZakeyi, waza wamkela uYesu ngovuyo. 7Bakuyibona loo nto, bakhalaza bonke, besithi: “Uye kungena endlwini yomntu *ongumoni.”
8Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.”
9Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham. 10Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.”
Umzekeliso ngezicaka ezazigciniswe imali
(Mat 25:14-30)
11UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha. 12Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye. 13Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’ 14Ke bona abemi belizwe laloo nkosana babeyithiyile, baza bathuma izigidimi emva kwayo, besithi: ‘Asifuni ukuba lo abe ngukumkani wethu.’
15“Yakuba ke ibekiwe yangukumkani inkosana le, ibuyile, yaza yathi mazibizelwe kuyo ezo zicaka yayizinike imali leyo, ukuze ive kuzo ngazinye ukuba zingenise ntoni na ngokurhweba. 16Seza ke esokuqala, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lizele ishumi lamakhulu.’ 17Yathi kuso: ‘Hee ke, sicakandini esilungileyo! Ngenxa yokuba ubuthembekile kokuncinane, ndikunika igunya kwiidolophu ezilishumi.’ 18Seza nesesibini, sathi: ‘Nkosi, ikhulu lakho lenze isihlanu samakhulu.’ 19Yathi nakweso: ‘Wena ndikunika igunya kwiidolophu ezintlanu.’
20“Seza nesinye, sathi: ‘Nkosi, nali ikhulu lakho. Bendilithandele ngelaphu, 21kuba bendikoyika, ngokuba ungumntu ongqabalala; uthatha ongakubekanga, uvune ongakuhlwayelanga.’ 22Yathi kuso: ‘Ndiza kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, sicakandini esikhohlakeleyo. Ubusazi nje ukuba ndingumntu ongqabalala, othatha angakubekanga, avune angakuhlwayelanga; 23kutheni ke imali le yam ungayigcinisanga ebhankini, ze ke mna ekufikeni kwam ndiyifumane inenzala?’
24“Yathi kwababemi ngakhona: ‘Mhlutheni ikhulu elo, nilinike lowo uneshumi lamakhulu.’ 25Ke bathi kuyo: ‘Nkosi, uneshumi lamakhulu!’ 26Yathi: ‘Inene, wonke umntu onolutho uya kunikwa; ongenanto ke, uya kuhluthwa kwanaloo nto anayo. 27Ke zona ezo ntshaba zam zingafunanga ukuba ndibe ngukumkani wazo, ziziseni apha, nizibulale apha phambi kwam.’ ”
UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki
(Mat 21:1-11; Marko 11:1-11; Yoh 12:12-19)
28Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu wabandulela, wenyuka esiya eJerusalem. 29Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, engasentabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wathuma ababini kubafundi bakhe, 30esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha. 31Ukuba ubani uthe kuni: ‘Niyikhululela ntoni loo donki?’ ze nithi: ‘Iyafunwa yiNkosi.’ ”
32Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafika kunjengoko wayetshilo uYesu. 33Bakuyikhulula inkonyana, abaniniyo bathi kubo: “Niyikhululela ntoni loo nkonyana?”
34Bathi ke bona: “Iyafunwa yiNkosi.” 35Bayisa ke kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo inkonyana yedonki leyo, bamkhwelisa kuyo uYesu. 36Ehamba njalo, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.
37Ke kaloku akusondela ethambekeni leNtaba yemiNquma, yathi yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo imemelela, imdumisa ngayo yonke imimangaliso eyayibonayo, 38isithi: “Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi! Uxolo ezulwini; udumo kweliphezulu!”
39Abathile *kubaFarasi esihlweleni apho bathi kuYesu: “Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.”
40Waphendula wathi kubo: “Inene, kungáthi nje kukhe kwathi cwaka aba, kunkqangaze namatye la.”
UYesu ulilela iJerusalem
41Akusondela uYesu, esibona isixeko, wasililela 42esithi: “Akwaba nawe, Jerusalem, ubuzazi namhlanje izinto ezikuzisela uxolo! Kodwa ngoku zifihlakele kuwe! 43Kuya kufika imihla eziya kuthi iintshaba zakho zakhe udonga lokuzikhusela ekukuhlaseleni kwazo, zikungqinge, zikuxine macala onke. 44Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.”
UYesu uvala urhwebo endlwini kaThixo
(Mat 21:12-17; Marko 11:15-19; Yoh 2:13-22)
45UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abo babethengisa khona, 46esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange. ”
47Imihla ngemihla wayefundisa endlwini kaThixo apho. Ke ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, kwaneenkokheli zabantu, babefuna ukumbulala; 48kodwa ababanga nakufumana nto banokuyenza, kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

Currently Selected:

ULUKA 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in