YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 18

18
Umzekeliso ngomhlolokazi nomgwebi ongenabulungisa
1UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi, 2wathi: “Kwidolophu ethile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu. 3Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’ 4Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu, 5noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ”
6Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa. 7Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda? 8Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?”
Umzekeliso ngomFarasi nomqokeleli-rhafu
9Ke kaloku uYesu uthethe lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuzicingela ukuba bangamalungisa, bebadelile abanye: 10“Amadoda amabini enyuka aya *endlwini kaThixo, esiya kuthandaza. Enye *yayingumFarasi, enye ingumqokeleli-rhafu.
11“Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu. 12Ndizila ukutya kabini ngeveki. Ndinikela ngesishumi sako konke endikuzuzayo.’
13“Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’ 14Inene, wagoduka umqokeleli-rhafu lowo elilungisa kuThixo kunomFarasi lowo; kuba kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”
UYesu usikelela abantwana
(Mat 19:13-15; Marko 10:13-16)
15Abantu babesiza neentsana zabo kuYesu ukuze azibeke izandla. Beyibonile loo nto, abafundi babakhalimela. 16Ke yena uYesu wazibizela kuye iintsana, esithi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo. 17Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”
Umfana osisityebi
(Mat 19:16-30; Marko 10:17-31)
18Umphathi othile wabuza kuYesu esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
19UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo. 20Uyayazi imithetho ethi uze ungakrexezi; uze ungabulali; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; beka uyihlo nonyoko. ”
21Ke yena wathi: “Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.”
22Ekuvile oko uYesu, wathi kuye: “Kusekho into enye oyisweleyo: zithengise zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum, ube ngumlandeli wam.” 23Ezivile ezo ndawo, wadana, kuba wayesisinhanha.
24UYesu, ekubona ukudana kwakhe, wathi: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo. 25Kungâlula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. ”
26Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”
27Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”
28Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”
29Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo, 30ongayi kuthi ngoku ngalo eli xesha amkele ngokuphinda-phindiweyo, aze kwiphakade elizayo amkele ubomi obungunaphakade.”
UYesu uthetha okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe
(Mat 20:17-19; Marko 10:32-34)
31Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka. 32UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe. 33Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”
34Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo.
UYesu uphilisa imfama yaseJeriko
(Mat 20:29-34; Marko 10:46-52)
35Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba. 36Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.
37Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.”
38Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
39Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
40Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi: 41“Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”
Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.”
42Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.” 43Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.

Currently Selected:

ULUKA 18: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in