YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 17

17
Ukukhubekisa nokuxolela
(Mat 18:6-7,21-22; Marko 9:42)
1UYesu wathi kubafundi bakhe: “Azinakungehli izinto ezibakhubekisayo abantu; kodwa hayi ilishwa laloo mntu kuza ngaye ukukhubekisa! 2Kunokuba akhubekise nokuba mnye kwaba bancinane, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, aphoswe elwandle. 3Zilumkeleni.
“Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. 4Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.”
Ukuzinikela
5*Abathunywa bâthi kuyo iNkosi: “Sandisele ukholo.”
6Ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwembewu yemostade, beninokuthi kulo mthi: ‘Ncothuka, umiliseleke phakathi elwandle;’ uze unive.”
Okulindeleke kwisicaka
7“Nguwuphi na kuni onokuthi enesicaka silima okanye sisalusa, kuthi sakufika isicaka sivela emasimini, athi kuso kwangoko: ‘Hlala phantsi, utye’? 8Úya kuthi: ‘Ndilungiselele into etyiwayo, ubhinqe, undiququzelele nditye ndisele; ze ke emva koko utye usele nawe.’ 9Isicaka asibulelwa ngokwenza loo nto siyimiselweyo, anditsho? 10Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enizimiselweyo, yithini: ‘Sizizicaka nje; senzé oko besimelwe kukukwenza.’ ”
UYesu uhlambulula abalishumi abaneqhenqa
11Ke kaloku ekuhambeni kukaYesu esiya eJerusalem, ucande phakathi kwelamaSamariya nelaseGalili. 12Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama. 13Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”
14Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”
Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa. 15Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo; 16yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya. 17Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba? 18Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?” 19Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Ukuthwasa kolawulo olutsha lukaThixo
(Mat 24:23-28,37-41)
20Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo. 21Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile. ”
22Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni. 23Baya kuthi kuni: ‘Nankuya phaya! Nanku apha!’ Ze ningayi ke, ningabalandeli nokubalandela; 24kuba kwanjengokuba umbane usithi menye ucanda isibhakabhaka, woba njalo ngomhla wakhe uNyana woLuntu. 25Kodwa kuqala uNyana woLuntu umelwe kukuva ubunzima obukhulu, alahlwe sesi sizukulwana. 26Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ngemihla yakhe uNyana woLuntu. 27Babesidla, besela, bezeka, besendisa, kwada kwangumhla wokungena kukaNowa enqanaweni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke. 28Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe. Babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha; 29kodwa ngemini awaphuma ngayo uLothe eSodom, kwawa umlilo nesalfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke. 30Kuya kuba njalo kanye ngemini yokubonakala kwakhe uNyana woLuntu.
31“Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo. 32Khumbulani ngomka-Lothe! 33Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza. 34Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. 35Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [ 36Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]”
37Ke abafundi baphendula bathi kuYesu: “Phi na, Nkosi?”
Yaza ke yathi kubo: “Apho sikhoyo isidumbu kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”

Currently Selected:

ULUKA 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in