YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 23

23
Ukubhubha kukaSara
1USara uhleli wade wanekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala. 2Ubhubhele eKiriyati-arbha, ekuthiwa yiHebron, kwelaseKanana. Waba buhlungu uAbraham, wamzilela umkakhe.
3UAbraham wesuka apho wafela khona umkakhe, waya kumaHeti. Ufike wathi kubemi balapho: 4“Ndingumfiki nomhambi apha; ndinikeni indawo apho ndingamngcwabela khona umkam.”
5Athe ukuphendula uAbraham amaHeti: 6“Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”
7Waphakama uAbraham, wakhahlela kumaHeti, 8wathi: “Ukuba niyavuma ndimngcwabe apha umfikazi, ndiceleleni kuEfron unyana kaZoware 9ukuba andithengisele laa mqolomba useMakapela; nankuya emdeni womhlaba wakhe. Ze nithi makandinike ngexabiso lawo, ukuze ndiwuthenge, ndingcwabe kuwo.”
10UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho: 11“Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”
12UAbraham wakhahlela kubantu balapho. 13Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”
14Uthe uEfron: 15“Mhlekazi, laa mhlaba ziisiliva ezimakhulu mane kuphela; asinto loo nto kuwe nakum. Hamba uye kumngcwaba umkakho.” 16UAbraham wavuma, waza wayibala loo mali yayifunwa nguEfron apho phambi kwabantu. Yaba ngamakhulu amane eesiliva ngokomlinganiselo wabarhwebi.
17-18Wawufumana ngolo hlobo ke uAbraham umhlaba kaEfron owawuseMakapela ngasempumalanga yeMamre. Yayiyintsimi, umqolomba, kunye nemithi eyayikho. Yangqinwa loo nto ngawo onke amaHeti awayekuloo mbizo. 19UAbraham wamngcwaba ke umkakhe uSara kuloo mqolomba eMakapela ngaseMamre eseHebron kwelaseKanana. 20Loo mhlaba ke owawungowamaHeti kunye naloo mqolomba waba ngoka-Abraham, wangcwabela kuwo.

Currently Selected:

EYEZIQALO 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy