YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 22

22
UThixo uvavanya uAbraham
1Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!”
Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!”
2Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”
3Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo. 4Ngosuku lwesithathu wayibona isekude loo ndawo uAbraham. 5Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.”
6UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini.
7Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!”
UAbraham wathi: “Thetha, nyana!”
UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”
8-9Uthe ukuphendula uAbraham: “Iya kubonwa nguThixo loo nto, mfo wam.”
Batsho bahamba besiya kuloo ndawo yayalathwe nguThixo. Bakufika apho, uAbraham wenza iqonga lamadini, wabeka iinkuni ezo phezu kwalo, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka phezu kwezo nkuni. 10Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe. 11Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”
Yena ke uthe: “Ndim lo!”
Sathi isithunywa kuye: 12“Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”
13UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe. 14UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”
15Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham: 16“Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo, 17ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo. 18Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”
19UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.
Inzala kaNahore
20Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo. 21Yayingu-Uzi izibulo, yaba nguBhuzi, kweza uKamweli uyise ka-Aram. 22Kulandele uRhesedi, noHazo, noPildashe, noJidelafu, kunye noBhetuweli. 23UBhetuweli wazala intombi uRabheka. Aba bantwana basibhozo bazalwa nguMilika umka-Nahore umninawa ka-Abraham. 24Iqadi likaNahore, uRewuma, lazala uTebha, noGaham, noTahashe, kunye noMahaka.

Currently Selected:

EYEZIQALO 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in