YouVersion Logo
Search Icon

AMAVA ENGQONDI 10

10
1Iimpukane ezifileyo zingasonakalisa isiqholo sitsho sibile sinuke,
ngokunjalo nentwana nje yobutyhakala ingabutshabhisa ubulumko ndawonye nesidima.
2Intliziyo yesilumko isitsho sibe namandla;
kanti ke eyesityhakala isitsho sibe buthathaka.
3Noba isityhakala sesihamba ngendlela, sibonakala kubo bonke ukuba simuncu.
Umntu onjalo uzicacisa nakubani na ukuba usisiyatha.
4Xa ekhathazekile umlawuli wakho musa ukurhoxa esikhundleni sakho –
kaloku kukuzola into ewulungisayo umonakalo.
5Apha phantsi kwelanga kukho ububi endibubonileyo,
impazamo eyenziwa ngophetheyo.
6Izikhundla ezininzi eziphezulu zinikwa izityhakala,
zize ke zona izityebi zinikwe ezisezantsi.
7Ndiwabonile amakhoboka ekhwele amahashe,
kodwa zona izikhulu zibhadaza ngeenyawo ngathi ngamakhoboka.
8Umntu owomba umngxuma usenokweyela kuwo;
otyhoboza eludongeni usenokulunywa yinyoka.
9Umntu owomba amatye usenokwenzakaliswa ngawo,
nocanda iinkuni usenokuba sengozini.
10Xa izembe libuthuntu, lingalolwanga,
kufuneka ubethe ngamandla ngalo.
Kodwa ke bubuchule into enika impumelelo.
11Inyoka kufuneka ilalaniswe ngaphambi kokuba imlume umntu,
kuba xa seyimlumile akusancedi lutho kumlalanisi wayo.
12Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,
ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.
13Siqala ngokulavuza,
size sigqibele sesiwanqa impambano.
14Ewe, isityhakala sithetha singayeki.
Akukho mntu uyaziyo into eza kwehla,
kungekho namntu unokuyixela into eya kwenzeka kamva.
15Umntu ongenangqondo uzidinisa ngomsebenzi,
aze ke akhohlwe nayindlela egodukayo isiya esixekweni.
16Mawoo kwilizwe elikumkani ebesakuba likhoboka,
elimatshawe enza amatheko kusekusasa.
17Kambe ke linoyolo ilizwe elikumkani uzalwa zizikhulu,
elimatshawe atya ngexesha elililo, efuna amandla, ingekuko ukunxila.
18Ngobuvila iyawa imiqadi;
kozandla ziqhokriweyo indlu iyanetha.
19Isidlo simenza onwabe umntu,
ke yona iwayini iyabudlamkisa ubomi;
kambe ke kuyo yonke into yimali ethethayo.
20Ungaze umnyembe ukumkani, nditsho nangeengcinga;
nesityebi sukusinyelisa, noba sewusesililini sakho,
hleze kubekho ntakazana iphuma namazwi akho,
into enamaphiko iyixele loo ntetho.

Currently Selected:

AMAVA ENGQONDI 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in