YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 34

34
Ugcino lukaThixo kwabakhe
EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba.
1Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke,
Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.
2Úya kuqhayisa umphefumlo wam ngoYehova;
Bova abalulamileyo, bavuye.
3Menzeni mkhulu kunye nam uYehova,
Siliphakamise kunye igama lakhe.
4Ndamfuna uYehova, wandiphendula;
Wandihlangula kwiinto zonke endinxunguphala zizo.
5Babheka kuye, bakhazimla;
Ubuso babo àbaba nazintloni.
6Usizana lwadanduluka, weva uYehova,
Walusindisa ezimbandezelweni zalo zonke.
7Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo,
Sibahlangule.
8Yivani, nibone ukuba ulungile uYehova.
Hayi, uyolo lomfo ozímela ngaye!
9Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe,
Ngokuba abanakuswela abamoyikayo.
10Iingonyama ezintsha ziyaswela, zilambe;
Ke bona abamfunayo uYehova abasweli nanye into elungileyo.
11Yizani, bonyana, phulaphulani kum;
Ndonifundisa ukoyika uYehova.
12Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi,
Othanda imihla yokubona okulungileyo?
13Gcina ulwimi lwakho ebubini,
Umlomo wakho ungathethi nkohliso.
14Suka ebubini, wenze okulungileyo;
Funa uxolo, uluphuthume.
15Amehlo kaYehova akumalungisa,
Iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.
16Ubuso bukaYehova bujonge abenzi bokubi,
Ukuba akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo.
17Akhala, weva uYehova;
Wawahlangula ezimbandezelweni zawo zonke.
18Ùsondele uYehova kwabantliziyo zaphukileyo,
Àbasindise abamoya utyumkileyo.
19Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa,
Ke uYehova ulihlangula kubo bonke.
20Ùyawagcina onke amathambo alo,
Akwaphuki nalinye kuwo.
21Ububi buyambulala ongendawo;
Abathiyi belungisa bayalithwala ityala.
22UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe,
Bangàthwali tyala bonke abazimela ngaye.

Currently Selected:

IINDUMISO 34: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in