YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 28

28
Isiprofeto sobuxoki sikaHananiya nokwamhlelayo
1Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesiné, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi, 2Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli. 3Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli. 4Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abayé eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.
5Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova: 6wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova. Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo. 7Khawuve eli lizwi ndilithethayo ezindlebeni zakho, nasezindlebeni zabantu bonke. 8Abaprofeti ababengaphambili kum nangaphambili kwakho kwasephakadeni, báprofeta imfazwe, nobubi, nendyikitya yokufa, besingisele kumazwe amaninzi nangezikumkani ezikhulu. 9Umprofeti lowo ùprofeta uxolo, uya kwaziwa ukuba ungumprofeti othunyiweyo nguYehova okunene, ekwenzekeni kwelo lizwi lomprofeti lowo.
10Ke kaloku uHananiya umprofeti wayithabatha idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, wayaphula. 11Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke.
Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.
12Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi, 13Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ùzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo. 14Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.
15Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki. 16Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethé elokukreqa kuYehova.
17Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.

Currently Selected:

UYEREMIYA 28: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in