UYEREMIYA 29
29
Incwadi kaYeremiya kubathinjwa eBhabheli
1Ngawo la amazwi encwadi awayithumelayo uYeremiya umprofeti, eseYerusalem, kumasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nakubabingeleli, nakubaprofeti, nakubantu bonke, awayebafudusile eYerusalem uNebhukadenetsare, wabása eBhabheli 2(emva kokuphuma kukaYekoniya ukumkani, nenkosikazi, namagosa, nabathetheli bakwaYuda neYerusalem, neengcibi, nabakhandi eYerusalem); 3awayithumelayo ngesandla sikaElasa unyana kaShafan, noGemariya unyana kaHilekiya (awabathumelayo uZedekiya ukumkani wakwaYuda kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eBhabheli), isithi:
4Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, kwabafudusiweyo bonke, endibafuduse eYerusalem, ukuba basiwe eBhabheli, ukuthi, 5Yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo. 6Zekani abafazi, nizale oonyana neentombi, nibazekele abafazi oonyana benu, iintombi zenu nizendisele kumadoda, zizale oonyana neentombi, nande khona, ninganciphi. 7Nize nizamele uxolo lomzi endinifudusele kuwo, niwuthandazele kuYehova; ngokuba niya kuba noxolo ngoxolo lwawo.
8Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mabanganilukuhli abaprofeti benu abaphakathi kwenu, kwanabavumisi benu, ningawaphulaphuli amaphupha enu eniwaphuphayo. 9Ngokuba baniprofetela ubuxoki egameni lam; andibathumanga; utsho uYehova.
10Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Xenikweni iBhabheli izaliselwe iminyaka emashumi asixhenxe, ndiya kunivelela, ndilimise kuni ilizwi lam elilungileyo, lokunibuyisela kule ndawo. 11Ngokuba ndiyazazi iingcinga endizicingayo ngani, utsho uYehova: iingcinga zoxolo, ezingezizo ezobubi; ukuba ndininikè ikamva nethemba. 12Niya kundinqula, nize nithandaze kum, ndiniphulaphule. 13Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke; 14ndifumaneke kuni; utsho uYehova. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwenu, ndinibuthe ezintlangeni zonke, nasezindaweni zonke endanigxothela kuzo, utsho uYehova; 15ndinibuyìsele endaweni endanifudusa kuyo, xa nithi, UYehova usivelisele abaprofeti eBhabheli.
16Inene, utsho uYehova ngokusingisele kukumkani ohleli etroneni kaDavide, nakubantu bonke abahleli kulo mzi, abazalwana benu, abangaphumanga baye nani ekufudusweni: 17utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, ndibenze babe njengamakhiwane akruqulayo, angenakudliwa ngokuba mabi kwawo. 18Ndiya kubasukela ngekrele nangendlala nangendyikitya yokufa, ndibanikele ukuba babe yinto yokunqakulisa kwizikumkani zonke zehlabathi, babe yintshwabulo, nommangaliso, nomsondlo, nesingcikivo, ezintlangeni zonke endabagxothela kuzo; 19ngethuba lokuba bengawaphulaphulanga amazwi am, utsho uYehova, endawathumela kuni ngabakhonzi bam abaprofeti, ndibathuma ndivuka kusasa; anivanga noko; utsho uYehova.
Abapofeti abathile abaxokáyo nokwabahlelayo
20Liveni ke ilizwi likaYehova, nina nonke bafudusiweyo, ndabasusayo eYerusalem, baya eBhabheli. 21Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu; 22kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli; 23ngenxa yokuba benzé ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.
24Ngokusingisele kuShemaya waseNehelam wòthetha, uthi, 25Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba wena uthumele incwadi egameni lakho kubantu bonke abaseYerusalem, nakuZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubabingeleli bonke, usithi, 26UYehova ukwenzé umbingeleli esikhundleni sikaYoyada umbingeleli, ukuze kubekho abaveleli endlwini kaYehova ngenxa kabani wonke obhudayo, ozenza umprofeti, ukuba umfake esitokisini• nasentanjeni. 27Yini na ngoku, ukuba ungamkhalimeli uYeremiya waseAnatoti, ozenza umprofeti kuni? 28Ngokuba ngenxa yoko ùthumele kuthi eBhabheli, esithi, Inde le nto; yakhani izindlu, nihlale kuzo; tyalani imiyezo, nidle iziqhamo zayo.
29UZefaniya umbingeleli wayilesa loo ncwadi ezindlebeni zikaYeremiya umprofeti. 30Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi. 31Thumela kubo bonke abafudusiweyo, uthi, Utsho uYehova ngokusingisele kuShemaya waseNehelam, ukuthi, Ngenxa enokuba uShemaya eniprofetèle, ndingamthumanga mna, wanikholosisa ngobuxoki: 32ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela uShemaya waseNehelam nembewu yakhe; akayi kuba namntu uhleliyo phakathi kwaba bantu; angayi kubona okulungileyo endikwenzela abantu bam, utsho uYehova; ngokuba ethethè elokukreqa kuYehova.
Currently Selected:
UYEREMIYA 29: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.