YouVersion Logo
Search Icon

IEKSODUS 35

35
Izipho ezinikelwa ngenxa yomnquba
1Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze. 2Wòsebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke ábenza umsebenzi ngayo bobulawa. 3Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
4Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova: 5uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu; 6nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe; 7nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi; 8neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi; 9namatye ebherilo,• namatye okufakwa e-efodini• naselubengweni.
10Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo: 11umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo; 12ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa; 13itafile nezibonda zayo, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa; 14isiphatho sezibane zokukhanyisa, nempahla yaso, nezibane zaso, neoli yokukhanyisa; 15isibingelelo sokuqhumisela nezibonda zaso, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso somnyango emnyango womnquba; 16isibingelelo sedini elinyukayo, nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso, neempahla zaso zonke; nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo; 17amawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso somnyango wentendelezo; 18izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo; 19izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
20Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambi koMoses.
21Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bàmoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele. 22Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa. 23Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezìntsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa. 24Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke ábafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.
25Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo. 26Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.
27Izikhulu zazisa amatye ebherilo,• namatye okufakwa e-efodini• naselubengweni, nobulawu, 28neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi. 29Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubáyo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
30Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbizé ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda. 31Umzalisile ngoMoya kaThixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke, 32ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu; 33nangokukrola amatye, awafake; nangokukrola imithi, asebenze imisebenzi yonke ngentelekelelo. 34Ubeké entliziyweni yakhe ukuyala, yena ke kwanoAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan. 35Ubazalisé ngobulumko bentliziyo, ukuba benze umsebenzi wonke wokukrola, nowokuluka, ukuluka imfakamfele, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, neyomluki, babe ngabenzi bomsebenzi wonke, nabathelekeleli bokuyila.

Currently Selected:

IEKSODUS 35: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in