YouVersion Logo
Search Icon

IEKSODUS 36

36
Iimpahla zomnquba
1Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
2UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze. 3Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo. 4Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza; 5zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe. 6Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa. 7Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukuba bayenze, yada yasala.
8Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi,• umsebenzi wengcibi yokuluka. 9Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite• ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné, amalengalenga alingana onke. 10Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye. 11Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini. 12Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye. 13Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.
14Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye. 15Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite eziné; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana. 16Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa. 17Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye. 18Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye. 19Bayenzela intente isigubungelo ngezìntsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
20Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema. 21Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha. 22Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba. 23Bazenza ke iiplanga zomnquba; zamashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi. 24Benza iziseko zesilivere zamashumi mané phantsi kweeplanga ezimashumi mabini; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye. 25Ezecala lesibini lomnquba, ngelasentla icala, benza iiplanga ezimashumi mabini, 26neziseko zazo zesilivere zamashumi mané: iziseko zazibini phantsi kweplanga inye, zazibini iziseko phantsi kweplanga inye. 27Ezomva womnquba ngasentshonalanga bazenza zantandathu iiplanga. 28Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini, zangamawele, 29zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini. 30Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye.
31Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba, 32yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga. 33Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni. 34Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaléka ngegolide.
35Benza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; bawenzela iikerubhi,• umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo. 36Bawenzela iintsika eziné zomngampunzi ezalekwe ngegolide, namagwegwe azo egolide; bazityhidela iziseko zoziné zesilivere. 37Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki; 38neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu.

Currently Selected:

IEKSODUS 36: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in