YouVersion Logo
Search Icon

INTSHUMAYELI 10

10
Imizekeliso esekwe phezu kwamava
1Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko. 2Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso; intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso. 3Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge. 4Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu.
5Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya: 6ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, ziba izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi. 7Ke ndiziboné izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka.
8Omba isigingqi, angéyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingámluma. 9Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni. 10Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, àkalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise. 11Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi.
12Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona. 13Ingqalo yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi. 14Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho; nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela? 15Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini.
16Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa! 17Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi!
18Ngobuvila iyabhena imiqadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu. 19Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke. 20Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho.

Currently Selected:

INTSHUMAYELI 10: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in