YouVersion Logo
Search Icon

UDANIYELI 5

5
Isidlo sikaBheleshatsare
1UBheleshatsare ukumkani walenzela isidlo esikhulu iwaka lezikhulu zakhe, wasela iwayini phambi kwewaka elo. 2UBheleshatsare, akuyiva iwayini, wathi maziziswe iimpahla zegolide nezesilivere, abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni eseYerusalem, ukuze asele ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe. 3Baza bazizisa iimpahla zegolide, ezazithinjwe etempileni yendlu kaThixo eseYerusalem. Wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe. 4Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.
Umbhalo eludongeni nokutyhilwa kwawo nguDaniyeli
5Kwaoko kwavela iminwe yesandla somntu, yabhala malunga nesiphatho sesibane, efutheni lodonga lwebhotwe lobukumkani; ukumkani wakubona ukuphela kwesandla esibhalayo. 6Laza laguquka ibala lobuso bokumkani, zamngqungisa izicamango zakhe, amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana. 7Ukumkani wadanduluka ngamandla, ukuba baziswe abakhwitsi, namaKaledi, namatola. Waphendula ukumkani, wathi kwizilumko zaseBhabheli, Othe wawulesa lo mbhalo, wakuxela kum ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe, abe ngowabathathu abanegunya ebukumkanini obu. 8Zaza zafika zonke izilumko zokumkani; ke azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.
9Waza uBheleshatsare ukumkani wakhathazeka kakhulu, laguquka ibala lobuso bakhe, nezikhulu zakhe zadubadubeka. 10Ukumkanikazi, unina, ngenxa yamazwi okumkani nezikhulu zakhe, wangena endlwini yomgidi. Ukumkanikazi unina waphendula wathi, Kumkani, phila ngonaphakade! Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho. 11Kukho indoda ebukumkanini bakho, enomoya woothixo abangcwele; ekwathi ngemihla yoyihlo kwafunyanwa kuyo ukukhanya nokuqiqa nobulumko, njengobulumko bothixo; awathi ukumkani uNebhukadenetsare uyihlo wayimisa yangumongameli wezazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola — uyihlo, kumkani; 12ngenxa enokuba kwafunyanwa kuye umoya ogqithisileyo ngobuhle, nokwazi, nokuqiqa, etyhila amaphupha, exela iintsonkotha, ecombulula amaqhina; kuDaniyeli, owathiywa ngukumkani igama elinguBheletshatsare. UDaniyeli makabizwe kaloku; wókuxela ukutyhilwa kwawo.
13Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani. Ukumkani wathetha kuDaniyeli, wathi, Ùngulaa Daniyeli na ungowakoonyana bakaYuda, abathinjwáyo, abaziswayo ngukumkani ubawo, bephuma kwaYuda? 14Ndikuvile, ukuba unomoya woothixo wena; kufunyanwa kuwe ukukhanya, nokuqiqa, nobulumko obuncamisileyo. 15Ke kaloku beziziswe kum izilumko nabakhwitsi, ukuze balese lo mbhalo, bandazise ukutyhilwa kwawo; ke azibanga nako ukundixelela ukutyhilwa kwale nto. 16Mna ndivile ke ngawe, ukuba unako ukutyityhila into, ucombulule namaqhina. Ukuba ke uthe wanako ukuwulesa lo mbhalo, nokundazisa ukutyhilwa kwawo, ùya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowabathathu ebukumkanini abanegunya.
17Waza waphendula uDaniyeli, wathi phambi kokumkani, Izipho zakho mazihlale kuwe, imivuzo yakho uyinike omnye; kodwa ndiya kuwulesa lo mbhalo kukumkani, ndimazise ukutyhilwa kwawo.
18Wena kumkani, uThixo Osenyangweni wamnika uNebhukadenetsare uyihlo ubukumkani, nobukhulu, nobuhandiba, nobungangamsha. 19Ngenxa yobukhulu ke awabunikwayo, zadidizela zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zothuka phambi kwakhe. Lowo wathanda ukumbulala, wambulala; lowo wathanda ukumyeka aphile, wamyeka waphila; lowo wathanda ukumphakamisa, wamphakamisa; lowo wathanda ukumthoba, wamthoba. 20Ke xeshikweni intliziyo yakhe yaziphakamisayo, umoya wakhe waqinayo, wakhukhumalayo, wesuka wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, nobuhandiba bakhe basuswa kuye. 21Wagxothwa koonyana babantu, intliziyo yakhe yaba njengeyeenkomo, nekhaya lakhe laba semaesileni asendle, wadliswa utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, wada wazi, ukuba uThixo Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, amise phezu kwabo lowo athanda ukummisa.
22Wena ke nyana wakhe, Bheleshatsare, akuyithobanga intliziyo yakho, nakuba ubukwazi oko konke. 23Ùziphakamisile ngaphezu, kweNkosi yamazulu, neempahla zendlu yayo zaziswa phambi kwakho, wena nezikhulu zakho, namakhosikazi akho, namashweshwe akho; nasela iwayini ngazo. Wancoma oothixo besilivere, nabegolide, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye, abangaboniyo, abangevayo, abangaziyo. Ke uThixo lowo, kùsesandleni sakhe ukuphefumla kwakho, onazo zonke iindlela zakho, akumbekanga. 24Waza wathuma, kwavela kuye oko kuphela kwesandla, lo mbhalo ke wàwubhaliwe.
25Nangu ke loo mbhalo wàwubhaliwe: MENE, MENE, TEKELE, UFARSIN. 26Nanku ukutyhilwa kwale nto: elokuba MENE lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa. 27Elokuba TEKELE lithi, Wena ulinganisiwe esikalini,• wafunyanwa ulula. 28Elokuba PERES lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.
29Waza uBheleshatsare wayalela, bamnxiba uDaniyeli iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe; bamemeza ngaye ngelithi, úya kuba ngowabathathu onegunya ebukumkanini.
UDariyo umMedi uyayoyisa iBhabheli
30Kwangobo busuku wabulawa uBheleshatsare ukumkani wamaKaledi. 31UDariyo, umMedi, wabuthabatha ubukumkani, eminyaka ikumashumi omathandathu anamibini ezelwe.

Currently Selected:

UDANIYELI 5: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in