UDANIYELI 4
4
UNebhukadenetsare uphupha ngomthi
1UNebhukadenetsare ukumkani uthi kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi ezimiyo ehlabathini lonke: Malube lukhulu uxolo lwenu. 2Imiqondiso nezimanga, azenzileyo kum uThixo Osenyangweni, kukholekile kum ukuba ndizixele. 3Imiqondiso yakhe, hayi ukuba mikhulu kwayo! Izimanga zakhe, hayi ukuba namandla kwazo! Ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, igunya lakhe likwizizukulwana ngezizukulwana.
4Mna Nebhukadenetsare, bendichulumachile endlwini yam, ndenile ebhotweni lam. 5Ndabona iphupha, landothusa; ndaneengcinga esililini sam, nemibono yentloko yam, eyandikhwankqisayo. 6Ndawisa umthetho wokuthi, zonke izilumko zaseBhabheli maziziswe phambi kwam, ukuba zindazise ukutyhilwa kwephupha elo. 7Zaza zeza izazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola; ndabalawulela iphupha; ke abandazisanga ukutyhilwa kwalo.
8Kwada ekupheleni kweza kum uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare ngokwegama lothixo wam, onomoya woothixo abangcwele. Ndamlawulela iphupha, ndathi, 9Bheletshatsare, mongameli wezazi, wena ndikwayizo ukuba unomoya woothixo abangcwele, akukho mfihlakalo ikukhohlayo; ndítyele imibono yephupha lam endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo. 10Imibono ke yentloko yam esililini sam nantsi: Ndabona, nango umthi usesazulwini sehlabathi; ukuphakama kwawo bekukukhulu. 11Wakhula umthi, womelela; ukuphakama kwawo kwafikelela ezulwini, nokubonakala kwawo ekupheleni kwehlabathi lonke. 12Amagqabi awo abemahle, neziqhamo zawo bezizininzi; ubunokudla okwanele iinto zonke. Amarhamncwa asendle abenomthunzi phantsi kwawo, iintaka zezulu zahlala emasebeni awo, yadla kuwo yonke inyama.
13Ndabona emibonweni yentloko yam, ndisesililini sam, nanko kusihla umlindi engongcwele emazulwini. 14Wadanduluka ngamandla, watsho ukuthi, Wúgawuleni lo mthi, niwanqumle amasebe awo, niwaqhawule amagqabi awo, nizichithachithe iziqhamo zawo. Makabaleke emke phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka emasebeni awo. 15Kodwa ke isiphunzi esineengcambu zawo sishiyeni emhlabeni, síphanjiwe ngesinyithi nobhedu eluhlazeni lwasendle. Masinyakamiswe ngumbethe wezulu; makahlulelane neenkomo ngotyani bomhlaba. 16Intliziyo yakhe mayisuke ingabi yeyomntu, anikwe intliziyo yenkomo; kudlule amaxesha amisiweyo abe sixhenxe phezu kwakhe. 17Umyalezo lo ukho ngengqibo yabalindi, umcimbi lo lilizwi labayingcwele; ngokokuze bazi abahleliyo, ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, abùnike lowo athanda ukumnika, amise ophantsi ebantwini phezu kwabo.
18Elo phupha ndilibonile, mna kumkani Nebhukadenetsare. Wena ke, Bheletshatsare, lítyhile ke, ngenxa enokuba zonke izilumko zobukumkani bam zingenako ukundazisa ukutyhilwa kwalo; ube ke wena unako, ngokuba ùnomoya woothixo abangcwele.
UDaniyeli uyalichaza iphupha
19Waza uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, wamangaliswa umzuzwana, nezicamango zakhe zamkhwankqisa. Waphendula ukumkani wathi, Bheletshatsare, iphupha nokutyhilwa kwalo malingakukhathazi. UBheletshatsare waphendula wathi, Nkosi yam, iphupha malisingisele kwabakuthiyileyo, nokutyhilwa kwalo kwabakuzondayo. 20Umthi owubonileyo, owakhuláyo womelela, okuphakama kwawo kwafikelelayo ezulwini, wabonwa ehlabathini lonke; 21omagqabi ayemahle, oziqhamo bezizininzi, obunokudla okwanele izinto zonke, awahlala phantsi kwawo amarhamncwa asendle, ezaba neendlu emasebeni awo iintaka zezulu: 22nguwe lowo, kumkani, ùthe wakhula, womelela; ùbukhulu bakho bukhulileyo bafika ezulwini, negunya lakho ekupheleni kwehlabathi.
23Le nto yokuba ukumkani ebone umlindi ongoyingcwele esihla emazulwini, esithi, Wugawuleni lo mthi, niwonakalise; kodwa isiphunzi esineengcambu zawo, sishiyeni emhlabeni, síphanjiwe ngesinyithi nobhedu eluhlazeni lwasendle; sinyakamiswe ngumbethe wezulu, ahlulelane neenkomo ngotyani, kude kudlule phezu kwakhe amaxesha amisiweyo asixhenxe: 24nanku ukutyhilwa kwako, kumkani; nantsi ingqibo yOsenyangweni eya kuyifikela inkosi yam ukumkani: 25ùya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, unyakamiswe ngumbethe wezulu, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.
26Le nto kuthiwe isiphunzi esineengcambu zomthi, masishiywe, ithi, ubukumkani bakho buya kuqiniselwa kuwe, kwaoko wakùthi wazi ukuba amazulu anegunya. 27Ngako oko, kumkani, icebo lam malikholeke kuwe, uzaphule izono zakho ngobulungisa, nobugwenxa bakho ngokubababala abaziintsizana, ukuba kungà kungoluka ukuchulumacha kwakho.
Ukuzaliseka kwephupha
28Konke oko kwamfikela ukumkani uNebhukadenetsare. 29Ekupheleni kweenyanga ezilishumi elinambini, wayehambahamba phezu kwebhotwe lokumkani laseBhabheli. 30Wasusela ukumkani wathi, Le asiyiyo na iBhaqheli enkulu, endiyakhele ukuba ibe yindlu yobukumkani ngokuqina kwamandla am, nangenxa yobuhandiba bobungangamsha bam?
31Lithe elo zwi lisesemlonyeni wokumkani, kwawa izwi emazulwini, lisithi, Kuthiwe kuwe, Nebhukadenetsare kumkani, ubukumkani bumkile kuwe. 32Ùya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.
33Kwaoko lazaliswa ilizwi kuNebhukadenetsare; wagxothwa ebantwini, wadla utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, zada iinwele zakhe zakhula, zanjengeentsiba zamaxhalanga, neenzipho zakhe zanjengezeentaka.
34Ekupheleni kwemihla, mna, Nebhukadenetsare, ndawaphakamisela ezulwini amehlo am; ukwazi kwam kwabuyela kwakum, ndambonga Osenyangweni, ndamncoma, ndambeka ohleli ngonaphakade, ogunya liligunya elingunaphakade, obukumkani bunezizukulwana ngezizukulwana. 35Baye bonke abemi behlabathi bebalelwe ekubeni yinto engento, esenza yena ngokuthanda kwakhe empini yasemazulwini, nakubemi behlabathi. Akukho bani ubethayo esandleni sakhe, athi kuye, Wènza ntoni na?
36Kwaoko ukwazi kwam kwabuyela kwakum; nangenxa yobuhandiba bobukumkani bam, ubungangamsha bam nokutyatyamba kwam kwabuyela kwakum. Àndifuna amaphakathi am nezikhulu zam; ndabuyiselwa ebukumkanini bam, ndongezwa ubukhulu obuncamisileyo.
37Kaloku, mna Nebhukadenetsare, ndiyamncoma, ndimphakamisa, ndimbeka uKumkani wamazulu; ngokuba yonke imisebenzi yakhe iyinyaniso, neendlela zakhe zisesikweni; nangokuba enako ukubathoba abahamba beqhankqalazile.
Currently Selected:
UDANIYELI 4: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.